1 Yeziganeko 11:12-20 Ibhayibhile (XHO96)

12. Olandelayo nguElazare, unyana kaDodo umAhoyi, engomnye wamagorha amathathu.

13. Yena wayekunye noDavide ePasi-damimi mhla ngedabi, amaFilistiya ehlanganisene khona. Ndaweni ithile apho kwakukho intsimi ezele yirhasi, umkhosi waswantsuliswa ngamaFilistiya.

14. Kambe ke uElazare namadoda akhe bema baqingqa apho phakathi kuloo ntsimi. Ewe, bahlanganisa babetha kwajub' ugodo kumaFilistiya, waza uNdikhoyo waba ngotshatsheleyo.

15. Isithathu kuloo madoda angamashumi amathathu aziintloko zomkhosi kaDavide saya kuye kwiliwa elikumqolomba waseAdulam, lo gama wona umkhosi wamaFilistiya umise kwintili yamaRafa.

16. Ngelo xesha uDavide yena wayesezintabeni kwindawo enqabileyo, kukho ibutho lamaFilistiya eBhetelehem.

17. UDavide wanxanwa, waza wathi: “Akwaba bekungakho mntu undiphathela amanzi kwelaa qula lingasesangweni eBhetelehem.”

18. Loo magorha mathathu ke atyhoboza apho kuloo maFilistiya, aya kukha amanzi apho kwelo qula lingasesangweni leBhetelehem, abuya nawo, awanika uDavide. Kambe ke uDavide wala ukuwasela, ndaweni yaloo nto wawachitha, esenza umnikelo ngawo kuNdikhoyo, esithi:

19. “Hayi khona, uThixo makandithintele; soze ndiyenze into enjalo! Ndingaba ndisela igazi lala madoda awakhe ngokubeka ubomi bawo esichengeni sokufa. Ewe, ngokuhamba aye kuwakha aphinde abuye nawo, abubeke esichengeni ubomi bawo.” UDavide wala ukuwasela loo manzi.Zazinjalo ke izigigaba zaloo magorha mathathu.

20. UAbhishayi umntakwabo-Jowabhi yayinguye inkokheli yamashumi amathathu amagorha. Yena ngomkhonto wakhe walwa namadoda angamakhulu amathathu wawabulala, watsho wabalasela njengaloo magorha mathathu.

1 Yeziganeko 11