Isithathu kuloo madoda angamashumi amathathu aziintloko zomkhosi kaDavide saya kuye kwiliwa elikumqolomba waseAdulam, lo gama wona umkhosi wamaFilistiya umise kwintili yamaRafa.