1. Ke kaloku uSawule waxelela unyana wakhe uJonatan kunye namaphakathi akhe ukuba uDavide makabulawe. Phofu uJonatan wayevana kakhulu noDavide.
2. Usuke ke uJonatan waya kuchazela uDavide, esithi: “Ubawo uzama indlela yokukubulala; uze ulumke ke ngomso kusasa. Uze uye kufuna indawo yokuzimela, uhlale apho.
3. Mna ndiza kuya nobawo apho endle, ndifike ndime naye kuloo ndawo uzimele kuyo, ndithethe ngawe kuye. Ukuba ndive nto yimbi, ndobe ndikwazise.”
4. UJonatan wathetha ngoDavide kuSawule, emncoma esithi: “Mhlekazi, noko ngewungamenzi nto imbi umkhonzi wakho uDavide; akukho nto wakha wakona ngayo. Usuke waba luncedo kakhulu kuwe ngayo yonke into ayenzileyo.