1 Kasamweli 18:2-8 Ibhayibhile (XHO96)

2. Kususela loo mini uSawule akazange amvumele agoduke uDavide.

3. UJonatan wanqophisana noDavide, kuba wayemthanda ngale ndlela awazithanda ngayo yena.

4. Wakhulula umnweba awayewambethe uJonatan, wawunika uDavide, kunye nesinxibo sakhe sobujoni, nekrele lakhe, nesaphetha, nebhanti yakhe.

5. UDavide wayephumelela kuyo yonke imicimbi athunywa yona nguSawule, waza ke uSawule wamnyusela wamenza umphathi emkhosini wakhe. Eso senzo sabakholisa bonke abantu kunye namagosa omkhosi kaSawule.

6. Ukubuya kukaDavide kunye nomkhosi emfazweni, emva kokuba wayebulele uGoliyati, baphuma bonke abafazi beedolophu zakwaSirayeli, beze kuhlangabeza ukumkani uSawule. Babesombela, bengqungqa, bebetha iintambula neekatala.

7. Babevuma bengqungqa besithi:“Wabulal' amawaka uSawule;yen' uDavide uwise amawaka ngamawaka alishumi.”

8. USawule akazange ayithande loo nto, wacaphuka gqitha. Wavakala esithi: “UDavide bambalela amashumi ngamashumi amawaka, kodwa mna bandibalela amawaka ngamawaka nje. Selibubukumkani nje into angekabi nayo!”

1 Kasamweli 18