4. Wawuhlanganisela eTelayim wonke umkhosi wakhe uSawule, apho wafika wawumisa ngezintlu. Loo mkhosi wawungamakhulu amabini amawaka amajoni akwaSirayeli, kunye neshumi lamawaka lamajoni avela kwaJuda.
5. Wesuka apho naloo mkhosi, waya kulalela ama-Amaleki kufuphi nesixeko sawo, ezindongeni zomfula.
6. Wathi kumaKeni: “Phumani nimke phakathi kwama-Amaleki, ukuze ningachatshazelwa ligazi xa ndiwatshabalalisayo. Kaloku ookhokho benu baba novelwano kumaSirayeli ukufuduka kwawo eJiputa.” Emka ke amaKeni phakathi kwama-Amaleki.
7. Wawaswantsulisa uSawule ama-Amaleki, zinqoza okoko ukusuka eHavila kuye kutsho eShure ngasempumalanga yaseJiputa.
8. Wabanjwa ukumkani uAgagi, aza abulawa onke amanye ama-Amaleki.
9. USawule namadoda omkhosi wakhe bamyeka abambulala ukumkani uAgagi; iinkomo neegusha ezintle abazange bazibulale kunye namathole namatakane azo. Yonke into entle bayigcina, batshabalalisa nje imigqutsuba nezinto ezingenaxabiso kuphela.
10. Lafika ilizwi *likaNdikhoyo kuSamweli lisithi:
11. “Ndiyazisola ngokumenza ukumkani uSawule lo. Selenxaxhile kum ngokungawuthobeli umyalelo wam.” Wakhathazeka kakhulu uSamweli yile nto. Wahlala ubusuku bonke ezibika kuNdikhoyo.
12. Uvuke ekuseni uSamweli, waya kukhangela uSawule. Ufike kusithiwa: “USawule uye eKarmele, waza apho wamisa ilitye lesikhumbuzo sakhe, wedlula nalapho waya eGiligali.”
13. Walanda ekhondweni uSamweli, wada wamfumana, uSawule wathi: “Makakuthamsanqele uNdikhoyo, Samweli! Ndiwufezile umyalelo kaNdikhoyo!”
14. “Xa kunjalo, kokwantoni oku kukhala kweegusha ndikuvayo kunye nokunxakama kweenkomo?” ubuzile uSamweli.
15. Uthe uSawule ukuphendula: “Zezithinjwe ngamadoda omkhosi wam kuma-Amaleki. Zonke ezinye bazitshabalalisile; bagcina nje ezona zintle, ukuze bamenzele amadini ngazo uNdikhoyo uThixo wakho.”
16. “Khawume ke,” utshilo uSamweli, “ndikhe ndikuxelele ukuba utheni na kum uNdikhoyo phezolo.”“Ndixelele,” watsho uSawule.
17. USamweli wathi: “Naxa wena wawuzibona uphantsi, kodwa wenziwa intloko yezizwe zakwaSirayeli. Wathanjiswa nguNdikhoyo ukuba ube ngukumkani wamaSirayeli,
18. waza wakuyalela ukuba uye kutshabalalisa eziya zikhohlakali zama-Amaleki. Wakuxelela ukuba uze ulwe uwatshayele ade aphele onke kuthi tu.
19. Ke kutheni ungamthobelanga nje uNdikhoyo? Wenze into embi phambi koNdikhoyo ngokungxamela ukuthatha amaxhoba.”
20. “UNdikhoyo ndimthobele,” kutsho uSawule. “Ndiyile emfazweni ngokuthunywa nguye, ndambamba ukumkani uAgagi, kodwa ndawabulala onke amanye ama-Amaleki.