41. USawule ke wabhekisa kuNdikhoyo uThixo kaSirayeli, wathi: “Nceda undinike impendulo enyanisekileyo.”Kwafika impendulo, isalatha ityala kuJonatan kunye noSawule, umkhosi wona ungenatyala.
42. Uqhube wenjenje uSawule: “Yalatha onetyala phakathi kwam nonyana wam uJonatan.” Kwalathwa uJonatan.
43. Ubuze uJonatan uSawule esithi: “Ndixelele, wenze sono sini?”UJonatan uphendule wathi: “Ndingcamle nje intwana yobusi ngomva wentonga yam. Ngaba mandifele loo nto?”
44. USawule uthe: “UThixo aze andigwebe mna lo ukuba andikubulali wena.”
45. Basuka abantu bathi: “NguJonatan lo uza kubulawa? Asinguye lo uzisele uSirayeli uloyiso olungaka? Unotshe! Sifunga uThixo ophilayo, akayi kuthiwa cha nto. Kuyo yonke into abeyenza namhlanje ubencedwa nguThixo.” Baba ke abantu bayamsindisa ekufeni uJonatan ngaloo ndlela.
46. Akabanga sawasukela amaFilistiya emva koko uSawule, asuka abuyela elizweni lawo.
47. USawule ekubeni engene ezintanjeni zokulawula, wazilwa iintshaba zamaSirayeli kwiindawo ngeendawo. Walwa namaMowabhi, ama-Amon, kunye namaEdom, kwakunye neekumkani zaseZobha, namaFilistiya. Wayetshatshela konke apho aya khona edabini.
48. Wayesilwa ngokukhalipha, wachitha nkqu nama-Amaleki. Wawahlangula amaSirayeli ekuhlaselweni ziintshaba zawo.
49. Nanga amagama oonyana bakaSawule: nguJonatan, noIshvi, kunye noMalkishuwa. Ezintombini enkulu yayinguMerabhi, encinci inguMikali.
50. Igama lomkakhe yayinguAyinowam, intombi ka-Ahimazi. Umkhosi wakhe wawuphantsi komntakwabo uAbhinere, unyana kaNere uyisekazi.
51. UKishe uyise kaSawule kunye noNere uyise ka-Abhinere babengoonyana baka-Abhiyeli.
52. Wahlala esilwa ngamandla namaFilistiya uSawule bonke ubomi bakhe. Wayedla ngokufaka emkhosini wakhe yonke indoda eyomeleleyo nelikhalipha.