Uyoshuwa 7:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Akazange athembeke amaSirayeli kumyalelo *kaNdikhoyo wokuba angathathi nto kufuneka itshatyalalisiwe eJeriko. Umfo owawudelayo loo myalelo nguAkana, unyana kaKarmi, umzukulwana kaZabhedi wakwaZera wesizwe sakwaJuda. Loo nto yawuvuthisa umsindo kaNdikhoyo ngakumaSirayeli.

2. UYoshuwa wathumela amadoda asuka eJeriko esiya eAyi, idolophu eyayingasempumalanga yeBhetele, imelene neBhetaven, ukuba aye kuhlola elo lizwe. Aya ke, ayihlola iAyi,

3. abuya athi kuYoshuwa: “Akukho mfuneko yakusa wonke umkhosi eAyi. Makuye nokuba ngamawaka amabini okanye amathathu amadoda. Noko abantu baseAyi bambalwa.”

4. Hayi ke, kwaphuma amawaka amathathu ukuya kuhlasela iAyi, kodwa asuka aswantsuliswa.

5. Amadoda aseAyi awajika emasangweni edolophu loo madoda, awaleqa ewahlisa induli ukuya kutsho ezixhotyeni, abulala amashumi amathathu anantandathu. AmaSirayeli atyhafa, ankwantya kukoyika.

6. UYoshuwa kunye namadoda amakhulu bazikrazula izambatho zabo, bazikhahlela phantsi ngaphambi kwetyesi yomnqophiso kaNdikhoyo, bahlala benjenjalo kwada kwahlwa. Babezigalele nangothuli entloko, bebonakalisa intlungu ababenayo.

Uyoshuwa 7