11. Loo madoda ke ajikeleza isixeko kwakanye, ehamba netyesi yomnqophiso kaNdikhoyo, aza abuyela esikhululweni, alala.
12. Ngengomso uYoshuwa wavuka kwangentseni, nababingeleli baphinda bayithwala ityesi yomnqophiso njengezolo.
13. Kwahamba amadoda axhobileyo ngaphambili, kwalandela ababingeleli abavuthela izigodlo abasixhenxe, kweza ababingeleli abathwele ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo, kwaza ekugqibeleni yangamadoda axhobileyo.
14. Ngolu suku lwesibini basijikeleza kanye isixeko, baza babuyela kwasesikhululweni. Loo nto bayenza iintsuku zantandathu.
15. Ngosuku lwesixhenxe bavuka kwangomsobomvu, baza basijikeleza kasixhenxe isixeko, kwanjengalaa ndlela babenze ngayo. Ewe, ngale imini baphindelela kwada kwasixhenxe ukusijikeleza.
16. Ngesihlandlo sesixhenxe, xa ababingeleli babevuthela izigodlo, uYoshuwa wathi kumadoda akhe: “Ze nihlabe umkhosi, nimemeze, kuba uNdikhoyo usinikile esi sixeko!
17. Isixeko, nayo yonke into ekuso, kufuneka zitshatyalaliswe mpela, zibe ngumnikelo kuNdikhoyo ngomlilo. NguRahabhi ihenyukazi yedwa kunye nabantu bakowabo amabasindiswe, kuba yena wazifihla iintlola zethu.
18. Ze ningathathi nto ekufuneka itshatyalaliswe; xa nenjenjalo nozibizela intshabalalo ngokunokwenu, nihlisele amaSirayeli ishwangusha xa ewonke.
19. Yonke into eyenziwe ngesiliva, negolide, nobhedu, okanye ngentsimbi, mayahlulelwe uNdikhoyo. Kufuneka ifakwe koovimba bakaNdikhoyo.”
20. Bazivuthela izigodlo ababingeleli. Athi akuziva amadoda, ahlaba umkhosi ememeza, zadilika iindonga! Wasuka umkhosi waya ngqo esixekweni, wafika wasithimba.
21. Asenza umnikelo kuNdikhoyo isixeko, afaka ikrele umntu wonke, abulala amadoda nabafazi, abatsha nabadala. Abulala iinkomo, iigusha, kunye needonki.
22. UYoshuwa wathi la madoda mabini ayeziintlola makaye kwaRahabhi, eze naye nabantu bakowabo, njengoko ayethembisile.
23. Aya ke, abuya naye uRahabhi, kunye noyise, nonina, nabantakwabo, kunye nabo bonke abantu bakowabo. Bathatha wonke loo mzi uphela, babahlalisa ngakwisikhululo samaSirayeli.
24. Bantumeka umlilo kweso sixeko, satsha nqu, kunye nento yonke eyayilapho. Igolide, nesiliva, nezinto zobhedu, nentsimbi, bazithatha bazisa koovimba bakaNdikhoyo.