Isixeko, nayo yonke into ekuso, kufuneka zitshatyalaliswe mpela, zibe ngumnikelo kuNdikhoyo ngomlilo. NguRahabhi ihenyukazi yedwa kunye nabantu bakowabo amabasindiswe, kuba yena wazifihla iintlola zethu.