Uyoshuwa 17:4-15 Ibhayibhile (XHO96)

4. Zaya kuElazare umbingeleli, bekunye noYoshuwa unyana kaNune kwaneenkokheli, zafika zathi: “*UNdikhoyo uyalele uMosis ngelithi nathi aze asabele umhlaba kunye nezizalwana zethu ezingamadoda.” Ke ngoko zawunikwa umhlaba kwanjenge-zizalwana zabo ezingamadoda njengoko uNdikhoyo wayetshilo.

5. Isizwe sakwaManase saba nezabelo ezilishumi nje ukongezelela kwiGiliyadi neBhashan engasempumalanga kweJordan,

6. kungenxa yokuba abazukulwana bakaManase abaziintombi nabangamadoda babelwa umhlaba. Umhlaba waseGiliyadi wona wabelwa enye inxalenye yabazukulwana bakaManase.

7. Ummandla wesizwe sakwaManase wawusuka eAshere use eMikemetati ngasempumalanga yeShekem. Umda wawusihla uye ngasezantsi, uquke bonke abantu base-En-tapuwa.

8. Umhlaba owawungqinge iTapuwa wawungowakwaManase, kodwa sona isixeko saseTapuwa esisemdeni sasisesenzala kaEfrayim.

9. Wawusihla loo mda ubheke ezantsi ngakwintlambo iKana. Izixeko ezingezantsi kwaloo ntlambo yayizezakwaEfrayim, nakuba zazikummandla wakwaManase nje. Umda wakwaManase wawucanda ngakwicala elingasentla kwaloo ntlambo, uye kuma ngolwandle.

10. Isizwe sakwaEfrayim sasingasezantsi, esakwaManase sona singasentla, ulwandle lungasentshona. UAshere wayemi ngasentla koManase, uIsakare emi ngasempuma.

11. Ngaphakathi kwemida yakwaIsakare nakwa-Ashere iBhete-shan kunye neIbleyam, neelali ezizingqongileyo, yayizezakwaManase, kwakunye neDore engaselwandle, ne-Endore, iTanaki, iMegido, kwaneelali ezizijikelezileyo.

12. Isizwe sakwaManase kambe asizanga sibe nako ukubagxotha abemi bezo zixeko, kuba amaKanana ayezimisele ukuhlala khona.

13. Naxa amaSirayeli selenamandla, akabanga nako ukuzithimba ezo zixeko zamaKanana, kambe awanyanzela ukuba abe zizicaka.

14. Bathi kuYoshuwa abazukulwana bakaJosefu: “Ngani ukuba usinike isiqwenga sibe sinye somhlaba, ukanti sibaninzi kangaka ngenxa yokuthamsanqeliswa kunene *nguNdikhoyo?”

15. Wathi uYoshuwa: “Ukuba nibaninzi kangangokuba neleentaba lakwaEfrayim lingananeli, yiyani emahlathini, nifike nigece nizivulele umhlaba kwelamaPerezi namaRafa.”

Uyoshuwa 17