Uyohane 18:35-40 Ibhayibhile (XHO96)

35. Wathi uPilato: “Uba ndingumJuda nam? Sisizwe sakowenu nababingeleli abaziintloko abakuzise kum. Yintoni le uyenzileyo?”

36. Wathi ke yena uYesu: “Asibobeli hlabathi ubukhosi bam. Xa bekunjalo amaphakathi am ebeya kundilwela, ukuze ndingabanjwa ngamaJuda, kodwa ke asibobalapha ubukhosi bam.”

37. UPilato wathi kuye: “Ke, ungukumkani?”Waphendula uYesu wathi: “Liphuma kuwe eli lithi ndingukumkani. Mna ndithi ndizalelwe ukungqinela inyaniso; ndizele loo nto kanye ehlabathini. Nabani na ongowenyaniso uyaliva ilizwi lam.”

38. Wathi kuye uPilato: “Yintoni yona inyaniso?”Emva kokuba etshilo waphuma uPilato, waya kumaJuda, wathi kuwo: “Mna andifumani tyala kuye konke.

39. Kodwa ngokwesiko lenu ndidla ngokunikhululela umbanjwa abe mnye *ngePasika. Ngaba ke nifuna ndinikhululele ukumkani wamaJuda?”

40. Bamphendula bekhwaza besithi: “Hayi, asimfuni lo mntu; sifuna uBharabha.” UBharabha lo ke wayesisihange.

Uyohane 18