18. Ndibathume ehlabathini njengokuba nam wandithumayo ehlabathini.
19. Ndizinikela kuwe ngenxa yabo, ukuze nabo babe ngabakho ngenene.
20. “Andithandazeli bona bodwa, koko ndithandazela nâbo baya kundivuma ngenxa yelizwi abaliva ngabo.
21. Nceda benze bonke babe banye. Bawo, mabamanyane nathi, njengokuba wena unto-nye nam, nam ndinto-nye nawe. Mababe yimbumba yamanyama, ukuze likholwe ihlabathi ukuba ndithunywe nguwe.
22. Ndibanikile nabo iwonga owandinika lona, ukuze nabo babe nto-nye, njengokuba nathi sinto-nye.
23. Mandihlale kubo, njengokuba wena uhleli kum, ukuze babe nto-nye ngokupheleleyo, lize ihlabathi liqonde ukuba ndithunywe nguwe, lazi ukuba bona ubathanda njengokuba undithanda mna.
24. “Bawo, njengoko ubanike mna nje, ndithanda ukuba babe lapho ndikhoyo, babubone ubungangamsha ondinike bona, kuba wandithanda lingekadalwa nokudalwa ihlabathi.
25. Bawo olilungisa, ihlabathi alikwazi. Mna ndiyakwazi, yaye naba bayaqonda ukuba ndithunywe nguwe.
26. Ndibazisile ngawe, ndaye ndisaya kwenjenjalo, ukuze uthando ondithanda ngalo mna lumile kubo, nam ndihlale ndimanyene nabo.”