Uyohane 17:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Akuba etshilo uYesu, wakhangela phezulu, wathi: “Bawo, lifikile ngoku ixesha. Mnike iwonga uNyana wakho, aze abubonakalise ubungangamsha bakho.

2. Kaloku umnike igunya eluntwini, ukuze bonke abo umnike bona, abe nako ukubanika obona bomi bungenasiphelo.

3. Nabu ke obona bomi: kukwazana nawe, wena Thixo unguye, ingabi wumbi; bazane naye lowo uthunywe nguwe, uYesu Krestu.

4. Ndibubonakalisile ubungangamsha bakho ehlabathini; ndiwufezile umsebenzi ondithume wona.

5. Ndiwonge ke ngoku kunye nawe, Bawo, ngelo wonga ndandinalo ndikunye nawe ihlabathi lingekadalwa nokudalwa.

6. “Ndikwazisile kwabo wandinika bona ubahlula kwabehlabathi. Babengabakho, wabanika mna. Ilizwi lakho libangene.

7. Ke ngoku bayaqonda ukuba yonke into endinayo, ivela kuwe.

8. Ndilugqithisile udaba obundithume lona kubo. Baqonde kakuhle bakholwa ukuba ndivela kuwe, bavuma ukuba ndithunywe nguwe.

9. “Ndithandazela bona ke; andithandazeli abo behlabathi. Kuphela ndithandazela abo undinike bona, kuba bengabakho.

Uyohane 17