Uyohane 17:1-13 Ibhayibhile (XHO96)

1. Akuba etshilo uYesu, wakhangela phezulu, wathi: “Bawo, lifikile ngoku ixesha. Mnike iwonga uNyana wakho, aze abubonakalise ubungangamsha bakho.

2. Kaloku umnike igunya eluntwini, ukuze bonke abo umnike bona, abe nako ukubanika obona bomi bungenasiphelo.

3. Nabu ke obona bomi: kukwazana nawe, wena Thixo unguye, ingabi wumbi; bazane naye lowo uthunywe nguwe, uYesu Krestu.

4. Ndibubonakalisile ubungangamsha bakho ehlabathini; ndiwufezile umsebenzi ondithume wona.

5. Ndiwonge ke ngoku kunye nawe, Bawo, ngelo wonga ndandinalo ndikunye nawe ihlabathi lingekadalwa nokudalwa.

6. “Ndikwazisile kwabo wandinika bona ubahlula kwabehlabathi. Babengabakho, wabanika mna. Ilizwi lakho libangene.

7. Ke ngoku bayaqonda ukuba yonke into endinayo, ivela kuwe.

8. Ndilugqithisile udaba obundithume lona kubo. Baqonde kakuhle bakholwa ukuba ndivela kuwe, bavuma ukuba ndithunywe nguwe.

9. “Ndithandazela bona ke; andithandazeli abo behlabathi. Kuphela ndithandazela abo undinike bona, kuba bengabakho.

10. Bonke abangabam, bangabakho; yaye bonke abangabakho, bakwangabam. Nditsho ndaduma ke ngenxa yabo.

11. Njengoko ndisiza kuwe sendinjengongasekhoyo ehlabathini. Kambe ke bona basesehlabathini. Bakhusele, Bawo ongcwele, ngegunya legama lakho, elo wandinika lona, ukuze bahlale bebanye njengokuba mna nawe sibanye.

12. Oko bendikunye nabo, bendibakhusela ngegunya legama lakho, elo wandinika lona.Ezinye iikopi ezindala zithi “abo wandinika bona” Ndabakhusela, akwaduka namnye kubo, ngaphandle komduka lowo, owazalisekisa okuxelwe *kwiziBhalo.

13. Njengokuba sendiza kumka, ndize kuwe, ezi zinto ndizithetha ndisesehlabathini, ukuze baphuphume luvuyo lwam.

Uyohane 17