Uyohane 16:22-33 Ibhayibhile (XHO96)

22. Ngokukwanjalo nani nixhalabile ngoku, kodwa ndophinda ndinibone, nize ke nivuye ngovuyo ekungekho bani unako ukuluhlutha kuni.

23. “Ngaloo mini aniyi kuba sandibuza nto. Ndithi kuni, inene, zonke izinto enithe nazicela kuBawo ngegama lam, woninika.

24. Kude kube ngoku anikaceli nto ngegama lam. Celani ke; niya kuphiwa, luze uvuyo lwenu lugqibelele.”

25. “Ezi zinto ndizithethe kuni ngezafobe, kodwa liyeza ixesha endingayi kuba santsonkotha ngalo; ndiya kuthetha nani ngokucacileyo ngoBawo.

26. Yakufika loo mini, niya kucela ngegama lam. Kungoko ndingatsho ukuthi iya kuba ndim onicelelayo kuBawo.

27. Kaloku uBawo ngokwakhe uyanithanda, kuba nithe nandithanda mna, nakholwa ukuba ndivela kuThixo.

28. Ndaphuma kuBawo, ndeza ehlabathini. Ngoku ke ndiyemka ehlabathini; ndiya kuBawo.”

29. Baza bathi kuye abafundi bakhe: “Uyabona, ngoku uthetha ngokuphandle ungasantsonkothi ngezafobe.

30. Ngoku ke siyaqonda ukuba wena uyazazi zonke izinto. Akusafuneki nganto ukuba ugocagocwe. Ke siyakholwa kukuba wena uvela kuThixo.”

31. Wabaphendula uYesu wathi: “Niyakholwa na ngoku?

32. Niyabona, kuza ixesha, kwaye selifikile, lokuba nichithakale nonke, elowo agoduke, ndize ndisale ndedwa. Noko ke andindedwa, kuba uBawo unam.

33. Ndinixelele ezi zinto ukuze nibe noxolo, kuba nimanyene nam. Ehlabathini niya kubandezeleka; kodwa musani ukuxhalaba, kuba mna ndiloyisile ihlabathi.”

Uyohane 16