23. Ke omnye umfundi kaYesu, lowo wayethandwa nguye, wayehleli ecaleni kwakhe,
24. waza uSimon Petros wanqwala kuye ukuba abuze ukuba ngaba uYesu uthetha bani na.
25. Lowo mfundi ke wagobela ngakuYesu, wathi: “Ngaba ngubani lowo, Nkosi?”
26. Waphendula uYesu wathi: “Ngulowo ndiya kuthi ndakuba ndisithe nkxu isonka, ndimnike.” Waza wathatha iqhekeza lesonka, walithi nkxu, walinika uJudas, unyana kaSimon Sikariyoti.
27. Kwathi kwangoko akulamkela elo qhekeza lesonka uJudas, wangenwa nguSathana. Waza wathi kuye uYesu: “Khawulezisa uyenze into oyenzayo.”
28. Kwakungekho namnye kwabo basetafileni owakuqondayo oko uYesu wayekuthetha.
29. Ekubeni yayigcinwa nguJudas ingxowa yabo yemali, abanye kubafundi babesithi uYesu umthuma ukuba aye kuthenga ezo zinto ziyimfuneko kwitheko *lePasika, okanye mhlawumbi uthi makaye kupha amahlwempu amalizo.
30. Elamkele ke uJudas elo qhekeza lesonka, waphuma kwangoko. Ke kaloku kwakusebusuku.
31. Akuba emkile uJudas, uYesu wathi: “Ngoku ke uza kunikwa ubungangamsha *uNyana woLuntu; uThixo uza kubonakalisa amandla akhe ngaye.
32. Xa ke uThixo abonakalisa amandla akhe ngaye, wothi amnike ubungangamsha uNyana woLuntu, kwaye oko uza kukwenza kwangoku.
33. Bantwana bam, liphelile ixesha lam phakathi kwenu. Niya kundifuna, kodwa oko ndakuthethayo kumaJuda ndikuthetha nakuni ngoku, ndisithi: ‘Apho mna ndiya khona, aninakuya nina.’
34. Ndiniwisela umthetho omtsha, ndithi: Thandanani! Njengoko ndinithandileyo mna, nani thandanani kanye ngolo hlobo.
35. Ukuba niyathandana, bonke baya kuqonda okokuba ningabafundi bam.”
36. USimon Petros wabuza kuYesu wathi: “Uza kuya phi na, Nkosi?”Waphendula uYesu wathi: “Apho ndiya khona akukabi nakuya okwangoku, kodwa wobe ulandele.”