Unehemiya 9:17-24 Ibhayibhile (XHO96)

17. Abavumanga kuphulaphula,bayilibala imimangaliso yakhoowayenza phakathi kwabo.Suka bankaniza bagwilika,bazinyulela inkokheli,befuna ukuphindela ebukhobokeni.Kambe ke wena unguThixo oxolelayo,wambeth' isisa novelwano,ucaphuka kade,uphuphum' uthando.Ewe, wena akubalahlanga.

18. Nangona sebezenzele umfanekiso,baqingqa ithole, besithi:‘Nanko uThixo wakhoowakukhupha kwelo laseJiputa;’naxa babesenza amanyundululu.

19. Ngenxa yobukhulu benceba yakhoakubashiyanga kuloo ntlango;awunqumamanga umqulu welifu.Emini wabakhokela endleleni yabo,lenjenjalo nelangatye lomlilo,ebusuku labakhanyisela indlela yabo.

20. “Wabathi jize ngoMoya wakho olungileyo,Moya lowo wabafundisayo ke.Akubavimbanga ukutya okuyimana;suka wabanika amanzi bakunxanwa.

21. Iminyaka yaba ngamashumi amane,wena ubalondolozile kuloo ntlango.Ewe, zange baswele lutho:izivatho zabo zange ziguge;azidumbanga neenyawo zabo.

22. “Wabanikela izizwe nezikumkani,wababela nezo zisekudeni,suka bawuthatha umhlaba kaSihon,bawuthatha umhlaba kaOgi ukumkani waseBhashan.

23. Wena wayandisa inzala yabo, yanjengeenkwenkwezi esibhakabhakeni,waza wabangenisa kwelo lizwe wawuthe mabangene kulo balithabathe ooyise-mkhulu.

24. Ewe, oonyana babo bangena kulo, balithabatha laza lalelabo.Waboyisela amaKanana awayemi kwelo lizwe;wawanikela kubo amaKanana, ndawonye nezikumkani zawo,nezo ntlanga zaloo mhlaba, ukuze benz' unothanda kuzo.

Unehemiya 9