6. UJoyada unyana kaPaseya noMeshulam unyana kaBhesodiya balungisa iSango eliDala. Bayigxumeka imiqadi, bazifaka iingcango neziqhobosho nemivalo.
7. Kufuphi nabo kwakusebenza amadoda aseGibheyon naseMizpa, uMelatiya waseGibheyon noYadon waseMeronoti, ndawo ezo zaziphantsi komlawuli wakwelentshona ye-Efrati.
8. U-Uziyeli unyana kaHarehaya omnye weengcibi zegolide wayelungisa umgama olandelayo. Ke yena uHananiya, omnye wabenzi-ziqholo, wayesebenza loo mgama ulandelayo. Iindonga zeJerusalem bazilungisa bema ngoDonga oluBanzi.
9. URefaya unyana kaYuri, umlawuli wesiqingatha seJerusalem, wayelungisa umgama olandelayo.
10. UYedaya unyana kaHarumafi wayelungisa iindawo ekufuphi nendlu yakhe, kufuphi naye inguHatushe unyana kaHashabheniya.
11. UMalekiya unyana kaHarim noHashubhi unyana kaPahati-mowabhi babelungisa enye indawo kunye neNqaba yamaZiko.