14. namahlakani akhe, iinto ezingamagorha, ikhulu elinamashumi amabini anesibhozo. Inkokheli yabo yayinguZabhediyeli unyana kaHagedolim.
15. KubaLevi yayinguShemaya unyana kaHashubhi, ka-Azerikam, kaHashabhiya, kaBhuni;
16. uShabhetayi noYozabhadi, bobabini iziinkulu zabaLevi ezazongamele umsebenzi wangaphandle kwindlu kaThixo;
17. uMataniya unyana kaMika, kaZabbedi, ka-Asafu, umbhexeshi kwezokubulela nezokuthandaza; uBhakebhukiya owayelisekela kumahlakani akhe; noAbheda unyana kaShamuwa, kaGalali, kaYedutun.
18. Bebonke abaLevi kwisiXeko esiNgcwele babengamakhulu amabini anamashumi asibhozo anane.
19. Abalindi-masango yayinguAkubhi, uTalmon, namahlakani abo awayelinda amasango, amadoda alikhulu elinamashumi asixhenxe anesibini.
20. Amanye ke amaSirayeli nababingeleli nabaLevi ayekuzo zonke iidolophu zakwaJuda, ulowo nalowo ekumzi olilifa looyise-mkhulu.
21. Izicaka zendlu kaThixo zazihlala kwinduli iOfeli, uZiha noGishpa beziinkokheli zazo.
22. Inkokheli yabaLevi eJerusalem yayingu-Uzi unyana kaBhani, kaHashabhiya, kaMataniya, kaMika. U-Uzi lo wayengomnye kwinzala ka-Asafu eyayikwiimvumi zenkonzo yendlu kaThixo.
23. Iimvumi ezi zaziphantsi kwemiyalelo kakumkani, umsebenzi wazo wemihla ngemihla uxhomekeke kuye.
24. UPetaniya unyana kaMeshezabheli, omnye wenzala kaZera unyana kaJuda, wayesisandla sikakumkani kuyo yonke imicimbi emayela noluntu.
25. Ngokumayela neelali namasimi azo, abanye kubantu bakwaJuda babehlala eKiriyati-arbha namaphandle ayingqongileyo, eDibhon neziphaluka, eKabhezeli neelali zayo,
26. eYeshuwa, eMolada, eBhete-pelete,