Umsebenzi Wabathunywa 3:7-23 Ibhayibhile (XHO96)

7. Akuba etshilo, wayibamba ngesandla sokunene, wayiphakamisa. Ngoko nangoko iinyawo namaqatha ayo omelela.

8. Yatsho umtsi, yema ngeenyawo, yahamba-hamba. Yaza yangena nabo endlwini kaThixo, ihamba itsiba-tsiba, ibulela uThixo.

9. Bonke abantu ababelapho bayibona ihamba ibulela uThixo.

10. Baqonda ukuba ngulaa mngqibi wayedla ngokuhlala eSangweni eLihle lendlu kaThixo, bonke bathi manga yinto eyenzeke kuye.

11. Njengoko le ndoda yathi nca kuPetros noYohane, basuka abantu beza begxalathelana kubo bemangalisiwe evarandeni ekuthiwa yekaSolomon.

12. Akubabona abantu, uPetros wabhekisa kubo wathi: “MaSirayeli, kungani ukuba inimangalise le nto? Khona kutheni ukuba nisijonge ngathi wenziwe ngamandla ethu nangokwethu ukukholeka kuThixo ukuba ahambe lo mntu?

13. UThixo ka-Abraham, kaIsake, kaYakobi, uThixo woobawo bethu, ngesi senzo usinike iwonga isicaka sakhe uYesu. Nina namnikela namkhanyela phambi koPilato, nangona yena wayefuna ukumkhulula.

14. Namkhanyela umnyulwa olilungisa! Endaweni yakhe nacela uPilato ukuba anikhululele isihange.

15. Nayibulala imbangi yobomi; ke yena uThixo wayivusa ekufeni. Yeyona nto singqina yona ke leyo.

16. Kukuvuma nokuzinikela kwigama likaYesu okuyomelezileyo le ndoda niyibonayo, niyaziyo. Ligunya legama lakhe elimenze waphila njengokuba nimbona elapha phambi kwenu nje lo mntu.

17. “Ndiyazi ke, mawethu, ukuba nina neenkokheli zenu le nto niyenze kuYesu ngokungazi.

18. Loo nto ngoko uThixo wayazisayo ngabo bonke *abashumayeli, yokuba umelwe kukubandezeleka, uyizalisekisile.

19. Guqukani ke ngoko, nibuyele kuThixo, ukuze zicinywe izono zenu;

20. nize nifumane amathuba okuhlaziyeka komoya evela eNkosini, nokuze imthumele uYesu onguKrestu oselenikwe nina.

21. Yena uya kuhlala ezulwini kude kufike ixesha lokuhlaziywa kwezinto zonke, njengoko uThixo wâzisáyo mandulo ngabashumayeli bakhe abanyuliweyo.

22. Kaloku uMosis wathi: ‘INkosi uThixo wenu iya kunithumela umshumayeli ophuma kwalapha kumawenu njengam. Maze nimphulaphule kuyo yonke into anixelela yona.

23. Nabani na ke ongamphulaphuliyo lo mshumayeli uya kusikwa ebantwini bakaThixo atshatyalaliswe.’

Umsebenzi Wabathunywa 3