1. Ngamhla uthile uPetros noYohane baya *endlwini kaThixo ngexesha lomthandazo, ngentsimbi yesithathu emva kwemini.
2. Apho esangweni lendlu kaThixo ekwakusithiwa liSango eLihle, kwakukho indoda eyayisisiqhwala kwasekuzalweni kwayo. Yayidla ngokusiwa khona yonke imihla ukuze icele amalizo kwabangenayo.
3. Yakubona uPetros noYohane bengena, yacela ukuba bayilize.
4. Bayijonga, waza uPetros wathi: “Khangela apha!”
5. Yajonga kubo ke ilindele into abaza kuyinika yona.
6. Uthe uPetros: “Imali andinayo, kodwa ndiza kukunika into endinayo – egameni likaYesu Krestu waseNazarete, ndithi kuwe: ‘Phakama, uhambe.’ ”
7. Akuba etshilo, wayibamba ngesandla sokunene, wayiphakamisa. Ngoko nangoko iinyawo namaqatha ayo omelela.
8. Yatsho umtsi, yema ngeenyawo, yahamba-hamba. Yaza yangena nabo endlwini kaThixo, ihamba itsiba-tsiba, ibulela uThixo.
9. Bonke abantu ababelapho bayibona ihamba ibulela uThixo.
10. Baqonda ukuba ngulaa mngqibi wayedla ngokuhlala eSangweni eLihle lendlu kaThixo, bonke bathi manga yinto eyenzeke kuye.
11. Njengoko le ndoda yathi nca kuPetros noYohane, basuka abantu beza begxalathelana kubo bemangalisiwe evarandeni ekuthiwa yekaSolomon.