32. Asuka ke amajoni azinqumla iintsontela ezazibambe iphenyane, laza lona lawa emanzini.
33. Ekuseni uPawulos wabacenga ukuba batye, esithi: “Ngoku lishumi elinesine leentsuku nilindile, ningasafaki nento le etyiwayo emlonyeni.
34. Ndiyanibongoza, yityani. Niya kuncedwa kukutya kule ngozi. Anisayi kulahlekelwa nalunwele olu.”
35. Akuba etshilo uPawulos, wathatha isonka, wabulela kuThixo, watya phambi kwabo.
36. Bomelezeka ke, baza bathatha ukutya, batya bonke.
37. Sasingamakhulu amabini anamashumi asixhenxe anesithandathu sisonke.
38. Bakuba betyile, bawuphungula umthwalo wenqanawa ngokuphosa ingqolowa elwandle.
39. Kwakuba kusile oomatiloshe babona unxweme abangalunakananga kakuhle, kodwa baqaphela indawo enentlabathi, baza bazimisela ukuya kuyimisa khona inqanawa xa benako.
40. Ngoko ke bazinqumla iiankile, zasala elwandle, kwangelo xesha linye bazikhulula neentsontela ezazibambe amaphini okugwedla. Bayiphakamisa iseyile ekumphambili wenqanawa, ukuze umoya uyiqhubele phambili elunxwemeni inqanawa.
41. Kodwa inqanawa yasuka yabaleka yaya kungena endulini yesanti ephantsi kwamanzi; umphambili wenqanawa wagxumekeka apho waxinga awashukuma, isinqe senqanawa sona santlithwa saziingceba ngamaza alwayo.
42. Amajoni wona aceba ukuwabulala amabanjwa, ukuze angadadi azimele.