Umsebenzi Wabathunywa 24:16-25 Ibhayibhile (XHO96)

16. Ndibe ke ndizama kangangoko ndinako ukuba ndihlale ndingenasazela nganto phambi koThixo naphambi kwabantu.

17. “Ndakha ndangabikho iminyaka emininzi eJerusalem, ndaza emva koko ndaya khona ndisisela abantu bakowethu imali, futhi ndisiya kwenza amadini.

18. Ndandisendlwini kaThixo apho ke, ukundifikela kwawo amaJuda ekubeni sendigqibe ukwenza *intlambululo. Ndandingekho esiphithi-phithini, futhi kungekho naqhushululu olo.

19. Ayekhona amaJuda athile ephondo laseAsiya; ebefanele ukuba alapha phambi kwakho andimangalele ngokwawo, xa enendawo ngakum.

20. Okanye khawutsho kula madoda axele ukuba andifumana ndinatyala lini na ngokuya ndandimi phambi kweBhunga.

21. Into inye endakhala ngayo naphambi kwawo, ndathi: ‘Ndigwetywa nje namhlanje, kungenxa yokukholelwa ukuba abafileyo baya kuvuka.’ ”

22. Waza ke uFelekis owayeyazi kakuhle iNdlela le, walimisa ityala, wathi: “Ndiya kuligweba ityala lakho akufika umphathi-mkhosi uLisiya.”

23. Wayalela umphathi-butho owayegada uPawulos ukuba amgcine, kodwa angabi ngqongqo, azivumele izihlobo zakhe zimlungiselele.

24. Kwakudlula iintsuku uFelekis wafika noDrusila umkakhe, umJudakazi. Wambiza uPawulos, waza wamphulaphula ethetha ngokholo kuKrestu Yesu.

25. Kodwa wahambisa uPawulos echaza ngokuziphatha kakuhle, ukuzeyisa, nangomhla womgwebo, uFelekis watsho woyika wathi: “Ungakhe umke ngoku; ndiya kuphinda ndikubize xa ndinethuba.”

Umsebenzi Wabathunywa 24