15. La madoda âhamba noPawulos, ada aya kutsho eAtene. Abuyela eBheriya nomyalelo kaPawulos wokuba ooSilas noTimoti mabakhawuleze baye kuye.
16. Kwathi xa uPawulos wayesalinde uSilas noTimoti eAtene, wafumana umnqa kukubona indlela ezazizininzi ngayo izithixo kuloo dolophu.
17. Waxoxa endlwini yesikhungo namaJuda kunye neentlanga ezazihlonela uThixo. Ngokukwanjalo wayexoxa nabantu ababegqitha-gqitha ebaleni lembutho.
18. Nabathile abaziintanda-bulumko zeqela *lamaEpikure *namaStoyike babencokola naye. Bambi babesithi: “Ngaba lifuna ukuthini eli pholopholo?” abanye besithi: “Ngathi ngunozakuzaku *woothixo basemzini.” Babesitsho ke kuba uPawulos wayeshumayela ngoYesu nangovuko lwabafileyo.
19. Baza ke bamthatha uPawulos, baya naye entlanganisweni, endaweni ekwakusithiwa yiAriyopago, bathi kuye: “Khawutsho! Sifuna ukuyazi le mfundiso intsha uthetha ngayo.
20. Ezinye zezinto esikuva uthetha ngazo ziyasimangalisa, ngoko ke sifuna ukuyazi intsingiselo yazo.”
21. Kaloku abantu baseAtene nabatyeleli bakhona kwakungekho nto babeyixabise ngaphezu kokuncokola okanye ukuphulaphula iingcamango ezintsha.
22. UPawulos waphakama wema entlanganisweni apho eAriyopago, wathi: “Bantu baseAtene, ndiyaphawula ukuba ningabantu abaluthanda ngokuncamisayo unqulo.
23. Kuthe xa bendihamba-hamba ndibuka iindawo zenu zonqulo, ndabona neqonga lamadini elibhaliweyo kwathiwa: ‘Kongaziwayo uThixo.’ Ngoko ke lowo nina nimnqula ningamazi, mna ndivakalisa yena kuni.
24. UThixo lo udale ihlabathi nezinto ezikulo, uyiNkosi yezulu nomhlaba. Ngoko ke akahlali zindlwini zenziwe ngabantu,
25. engaswele nto ngokokude abantu bazidube ngokumenzela nto. Kuba kaloku nguye ngokwakhe onika ubomi nomphefumlo, nazo zonke iimfuneko zoluntu lonke.
26. Zonke iintlanga zabantu wazidala zaphuma mlibeni mnye, wazenza ukuba ziwume wonke umhlaba. Yena ngokwakhe kwangaphambili wazimisela amaxesha obomi, kunye nemida yokuhlala kwazo.
27. Oku wakwenza ukuze zihlale zimzingela, hleze zimphuthaphuthe de zimfumane; nangona yena uThixo engekude kuthi sonke,
28. kuba kungaye sikho nje, sisuka-suka, siphilile. Kunjengoko zitshoyo ezinye zeembongi zenu ukuthi: ‘Nathi siyinzala yakhe.’
29. Singabantwana bakhe nje ke, masingacingi ukuba imo kaThixo ifana nento eqingqwe ngegolide, ngesiliva, okanye ngelitye, ngobugcisa bomntu.
30. UThixo wayewayeke ngabom loo maxesha apho abantu babengazi. Kungokunje uyalela abantu bonke, ezindaweni zonke, ukuba baguquke ezindleleni zabo ezimbi.