Umsebenzi Wabathunywa 15:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Amadoda athile asuka eJerusalem, aya eAntiyokwe afundisa amakholwa esithi akanako ukusindiswa ngaphandle kokuba olùswe *ngokomthetho kaMosis.

2. UPawulos noBharnabha baba nengxoxo eshushu nabo ngalo mbandela, kwaza kwagqitywa ukuba uPawulos noBharnabha kunye nabanye baseAntiyokwe baye eJerusalem, bayokuva le ngxaki *kubathunywa nakubadala.

3. Ke kaloku lakuba libandulule ibandla, bacanda kwelaseFenike nelaseSamariya, behamba bebalisa ngokuguquka kweentlanga; iindaba ke ezo ezawavuyisa kakhulu amakholwa.

4. Befikile ke eJerusalem, bamkelwa libandla, abathunywa, nabadala, baza ke benza ingxelo kubo ngendlela awayebasebenzise ngayo uThixo.

5. Kodwa amakholwa athile awayekade engaweqela *labaFarasi, athi wona amakholwa aphuma ezintlangeni makoluswe awuthobele umthetho kaMosis.

Umsebenzi Wabathunywa 15