6. Ke kaloku uPetros wayelele phakathi kwabalindi ababini, ebotshelelwe kubo ngamatyathanga, kukho nabagadi abalinde isango lentolongo, ngobusuku obuphambi komhla awayeza kusiwa ngawo ematyaleni nguHerode.
7. Ngebhaqo kwabonakala isithunywa seNkosi simi bhuxe apho egumbini lentolongo, kwatsho kwasemini kukukhanya. Samshukumisa uPetros, samvusa sisithi: “Khawuleza, vuka!” Ukubanje sitsho, athi xibilili amatyathanga ezandleni.
8. Saqhuba sathi: “Bhinqa, unxibe iimbadada zakho.” Wenjenjalo ke uPetros, saza saphinda isithunywa eso sathi: “Yambatha, undilandele.”
9. Wasilandela ke uPetros, baphuma entolongweni. Wayengekaqondi ukuba iyinene le nto yenziwa sisithunywa seNkosi; wayeba uyaphupha.
10. Babagqitha abalindi bokuqala nabesibini, baza ekugqibeleni bafika kwisango lentsimbi elivulela edolophini. Lavuleka ngokwalo isango, baphuma ke. Bathi besehla ngesitalato sesuka see shwaka isithunywa eso.
11. Akuqabuka ebuthongweni uPetros wathi: “Ngoku ndiyazi ukuba ngenene le nto yinyaniso! INkosi isithumele isithunywa sayo, sandihlangula egunyeni likaHerode, nakuzo zonke izinto amaJuda ebenqwenela ukuzenza kum.”