Umsebenzi Wabathunywa 11:21-30 Ibhayibhile (XHO96)

21. Amandla eNkosi ayewafukamele loo madoda, laza iqela elikhulu labantu lazinikela eNkosini.

22. Le nto yenzekileyo ngabo yaya kuvakala nakwibandla laseJerusalem, laza lathumela uBharnabha eAntiyokwe.

23. Akuba efikile khona, wabubona ububele bukaThixo ebantwini; waza wavuya wabalĂșleka bonke ukuba bathembeke, banyaniseke eNkosini ngeentliziyo zabo zonke.

24. UBharnabha wayeyindoda elungileyo, ezele nguMoya oyiNgcwele nalukholo.Abantu abaninzi bazinikela eNkosini,

25. waza ke ngoko uBharnabha waya kukhangela uSawule eTarso.

26. Akumfumana, waya naye eAntiyokwe. Yaba ngunyaka wonke aba babini behlala phakathi kwebandla elo, baza baqeqesha iqela elikhulu. Kwakulapha eAntiyokwe apho abalandeli bakaYesu baqala ukubizwa ngokuba ngamaKrestu.

27. Ngelo xesha kwesuka *abashumayeli abathile eJerusalem baya eAntiyokwe.

28. Omnye wabo ogama linguAgabho, ezele nguMoya oyiNgcwele, wayixela kwangaphambili indlala eyayiza kubakho kuwo wonke umhlaba. Yona ke yafika ngexesha *likaKhesare Klawudiyo.

29. AmaKrestu agqiba ekubeni ulowo nalowo kuwo makaqwebele inkxaso yamakholwa akwelakwaJuda kangangoko anako.

30. Le nto ke bayenza, baza ke imali leyo bayithumela kubadala bebandla ngoBharnabha noSawule.

Umsebenzi Wabathunywa 11