Umsebenzi Wabathunywa 11:11-20 Ibhayibhile (XHO96)

11. Ngaloo mzuzu kanye, nako kufika kuloo mzi ndandihlala kuwo, amadoda amathathu awayethunywe kum, evela eKhesariya.

12. UMoya oyiNgcwele wathi mandihambe nawo loo madoda, ndingathingazi. Naloo makholwa mathandathu aseJopa aya kunye nam eKhesariya, safikela kwaKorneli sisonke.

13. UKorneli wasixelela ngombono wakhe, apho isithunywa sezulu safika sathi kuye makathumele umntu eJopa, aye kubiza umfo ogama linguSimon Petros,

14. sisithi nguye oya kubazisa indlela abaya kusindiswa ngayo yena nosapho lwakhe.

15. Ndithe ke ndakushumayela wehla kwangoko uMoya oyiNgcwele phezu kwabo, njengoko wehlayo nakuthi kuqala.

16. Ndatsho ndacinga ngamazwi âthethwa yiNkosi xa yayisithi: ‘UYohane wayebabhaptiza ngamanzi abantu; ke nina niza kubhaptizwa ngoMoya oyiNgcwele.’

17. Kucace gcaa ukuba uThixo ezaa ntlanga uzinike kanye esiya sipho wasinika sona thina siyamkeleyo iNkosi uYesu Krestu. Bendingubani na ke mna ukuba ndingáde ndime phambi kwentando kaThixo?”

18. Yabanelisa le ngxelo, baza bamdumisa uThixo, ngokuba kuthe kanti neentlanga ezi uThixo uyazinika ithuba lokuguquka, ukuze zidle ubomi.

19. Abakholwayo basarhazwa yintshutshiso yethuba lokufa kukaStefano. Abanye baphaphatheka, baya kutsho eFenike, eSipro, naseAntiyokwe. Babeluvakalisa udaba lweNkosi kumaJuda kuphela.

20. Kodwa abanye bamakholwa, amadoda aphuma eSipro naseKirene, aya eAntiyokwe, aluvakalisa udaba nakwiintlanga ezintetho isisiGrike, ezishumayeza iindaba ezimnandi ezingeNkosi uYesu.

Umsebenzi Wabathunywa 11