1. Kwincwadi yam yokuqala, Tiyofilo, ndabhala ndibalisa ngazo zonke izinto uYesu awasungula ngazo ukwenza nokufundisa,
2. kude kuye kuthi gaa ngaloo mhla wanyuselwa ngawo ezulwini nguThixo. Ngaphambi kokuba anyuswe uYesu, wathi ngoMoya oyiNgcwele wawayala loo madoda awawanyulayo ukuba abe *ngabathunywa.
3. Emva kokubandezelwa nokufa kwakhe wazibonakalisa kuloo madoda ngeziganeko ezininzi ukuba uvukile. Kwithuba leentsuku ezingamashumi amane abathunywa babemana bembona, ethetha nabo ebaxelela ngezolawulo lukaThixo.
4. Esitya kunye nabo wabayala wathi: “Ze ningemki eJerusalem. Hlalani nilinde isipho esathenjiswa nguBawo, esiya ndanixelela ngaso.
21-22. “Ngoko ke, makubekho enye indoda ethatha indawo yakhe. Kufuneka ibe ngumntu obesoloko ekunye nathi ngalo lonke elaa xesha iNkosi yayijikeleza phakathi kwethu; umntu owayekho ukususela kanye ngelaa xesha uYohane wayebhaptiza, kude kuze kuthi gaa ngomhla wonyuko. Nguloo mntu ke onokungqina kunye nathi ngokuvuka kweNkosi yethu.”