Umatewu 13:33-44 Ibhayibhile (XHO96)

33. UYesu wabenzela nomnye umzekeliso, esithi: “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswaOkanye: “Ubukumkani bezulu bunokufaniswa” negwele awalithathayo umfazi, walixovulela kumgubo ozizitya ezithathu, laza layinyusa intlama.”

34. Zonke ezi zinto uYesu wazithetha kwizihlwele ngemizekeliso. Akathethanga nto kuzo kungengamizekeliso.

35. Ngokwenjenjalo wakuzalisekisa okwathethwayo *ngumshumayeli esithi:“Ndiya kuthetha ngemizekeliso,ndizityhile izinto ezazifihlakele kwasekusekweni kwehlabathi.”

36. Wazindulula ke izihlwele uYesu, wangena endlwini. Beza kuye abafundi bakhe, bathi: “Khawusicacisele umzekeliso ngokhula olusentsimini.”

37. Waphendula wathi: “Lowo uhlwayela imbewu elungileyo *nguNyana woLuntu.

38. Intsimi le lihlabathi. Yona imbewu elungileyo ngabantu abalawulwa nguThixo. Ke lona ukhula ngabantu bongendawo.

39. Utshaba oluluhlwayelayo ngumtyholi. Ukuvuna kukupheliswa kweli phakade. Abavuni zizithunywa zezulu.

40. Njengoko luqokelelwayo ukhula, lutshiswe, koba njalo ekuphelisweni kweli phakade.

41. UNyana woLuntu wozithuma izithunywa zakhe, zibaqokelele bangabikho apho alawula khona bonke abalahlekisayo, nabo bonke abenza okuchasene nomthetho,

42. zibaphose kwiziko elivutha umlilo, apho kuya kubakho ukulila nokungcungcutheka.

43. Bothi ke abangamalungisa baqaqambe ngokwelanga bekwikomkhulu likaYise. Oneendlebe zokuva makeve.”

44. “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nobutyebi obufihlwe entsimini, waza ubani wabubhaqa, wabugqumelela kwakhona, wathi, evuya kakhulu, waya kuthengisa konke anako, wayithenga loo ntsimi.”

Umatewu 13