Umarko 8:10-23 Ibhayibhile (XHO96)

10. waza kwangoko wakhwela esikhitshaneni kunye nabafundi bakhe, waya kummandla waseDalmanuta.

11. Bafika ke *abaFarasi, baza bamgocagoca ngemibuzo uYesu, befuna umqondiso ovela ezulwini, bemlinga.

12. Watsho ngesingqala esibuhlungu, wathi kubo: “Yini na ukuba esi sizukulwana singxamele umqondiso? Ndithi kuni, inene, soze siwunikwe umqondiso onjalo esi sizukulwana!”

13. Wabashiya, waphinda wakhwela esikhitshaneni, wemka waya ngaphesheya koLwandle lwaseGalili.

14. Abafundi babelibele ukuphatha izonka, benesonka esinye kuphela esikhitshaneni.

15. Wabayala uYesu esithi: “Ligqaleni nililumkele igwele labaFarasi negwele likaHerode.”

16. Bona ke babesithi omnye komnye: “Útsho ngokuba singenazonka.”

17. UYesu, ekwazi oko bakuthethayo, wathi kubo: “Yini na ukuba nithethe ngokungabi nazonka? Anikaqiqi na; aniqondi na? Ngaba iqaqadekile na intliziyo yenu?

18. Ninamehlo nje, aniboni na? Nineendlebe nje, aniva na? Anikhumbuli na

19. ukuba zazingaphi iingobozi ezizele ngamasalela okuyá ndandiqhekezela amawaka amahlanu izonka ezihlanu?”Bathi kuye: “Zazilishumi elinambini.”

20. Kwakhona wathi: “Okuyá ke izonka ezisixhenxe ndandiziqhekezela amawaka amane, zazingaphi na iibhaskiti ezazizele yintsalela?”Bathi ke: “Zazisixhenxe.”

21. Wathi ke kubo: “Phofu yini na ke ukuba ningaqondi?”

22. Bafika ke eBhetesayida, kweziswa imfama kuYesu, wabongozwa ukuba ayichukumise.

23. UYesu wayibamba ngesandla imfama leyo, waphuma nayo edolophini; waza wayiqaba ngamathe emehlweni, wayibeka izandla, wayibuza ukuba inanto iyibonayo na.

Umarko 8