Umarko 4:19-28 Ibhayibhile (XHO96)

19. aze ke amaxhala eli phakade, nokulukuhla kobutyebi, nokunqwenela ezinye izinto, kungene kuliminxe ilizwi, lize lingabi nasiqhamo.

20. Abo banjengomhlaba olungileyo ekuhlwayelwe kuwo ngabathi, bakuliva ilizwi, balamkele, baxakathe isiqhamo: omnye amashumi amathathu, omnye amashumi amathandathu, nomnye ikhulu.”

21. Kwakhona uYesu wathi kubo: “Ngaba isibane sikhe siqutyudelwe ngethunga okanye sifakwe phantsi kwebhedi na? Asixhonywa endaweni yaso yini na?

22. Kaloku akukho nto ifihlakeleyo ingayi kude ityhilwe; kananjalo akukho nto ifihliweyo ingayi kude ivele.

23. Ke oneendlebe zokuva makeve.”

24. Kwakhona wathi kubo: “Yilumkeleni into eniyivayo. Umlinganiselo enibalinganisela ngawo abanye, niya kulinganiselwa kwangawo nguThixo nani, kuze kongezwe kuni, nina nivayo.

25. Lowo sukuba enolutho uya kunikwa, athi lowo ungenanto ahluthwe kwanaloo nto anayo.”

26. Kwakhona uYesu wathi: “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nokuthi umntu ahlwayele imbewu entsimini,

27. aze alale avuke imihla ngemihla, ibe yona imbewu intshula ikhula ngohlobo angalwaziyo.

28. Kaloku umhlaba uvelisa iziqhamo ngokwawo: kuqala iba likhaba, ize ibe yindubulo, ize ibe sisikhwebu esivuthiweyo.

Umarko 4