Umarko 14:17-25 Ibhayibhile (XHO96)

17. Kwakuhlwa, wafika uYesu, enabafundi bakhe abalishumi elinambini.

18. Bakuba behleli besitya, uYesu wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, omnye kuni apha, nina nityayo kunye nam, uya kundingcatsha.”

19. Baza ke baba buhlungu, besithi kuye ngabanye ngabanye: “Ngaba iya kuba ndim na? Ngaba iya kuba ndim na?”

20. Waphendula ke wathi kubo: “Iya kuba ngomnye kubafundi abalishumi elinambini, lowo usithi nkxu kunye nam isonka esityeni.

21. Okunene *uNyana woLuntu uyemka, njengoko zitshoyo ngaye *iziBhalo; kodwa hayi loo mntu angcatshwa nguye uNyana woLuntu! Ngekumlungele ukuba ebengazalwanga.”

22. Xa babesitya, uYesu wathatha isonka, wabulela, wasiqhekeza, wabanika, wathi: “Thathani nitye; ngumzimba wam lo.”

23. Wathatha nendebe, wabulela, wabanika, basela kuyo bonke.

24. Wathi ke kubo: “Ligazi lam eli elitywina umnqophiso, eliphalazwa ngenxa yabaninzi.

25. Ndithi kuni, inene, andiyi kuphinda ndisele kwincindi yomdiliya, kude kube yiloo mini ndiyisela intsha kwikomkhulu likaThixo.”

Umarko 14