31. “Uyabona, ndikuchasile, ntondini izidlayo.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo iNkosi enamandla onke.“Ifikile imini yakho;ligalelekile ixesha lakho lokohlwaywa.
32. Lo uzidlayo uza kukhubeka awe,kungabikho bani umvusayo.Ndiza kuphemba umlilo ezidolophini zakhe,utshise bonke abamngqongileyo.”
33. Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi:“Aphantsi kwengcinezelo amaSirayeli,kwanamaJuda ngokunjalo.Avalelwe ngabo bantu athinjwe ngabo;abavumi ukuwandulula.
34. Kambe uMkhululi wawo womelele;nditsho lo ugama linguNdikhoyo onamandla onke.Uya kuwalamlela kwabo bawachasayo,alinike inzolo ilizwe lawo,abagungqise abemi baseBhabheli.
35. “Ikrele maliwafikele amaKaledi nabemi baseBhabheli,bekunye neziphathamandla nezilumko zayo.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
36. “Ikrele malibafikele oosiyazi bayo,basuke babe ziziyatha.Ikrele maliwafikele amagorha,asuke abe ngamagwala.
37. Ikrele maliwafikele amahashe neenqwelo,kwanawo onke amajoni engqesho ayo,asuke abe njengabafazi.Ikrele malibufikele ubuncwane bayo,busuke buphangwe.
38. Ukubalela makuwafikele amanzi ayo,asuke atshe.Kuba kaloku ililizwe lemifanekiso yezithixo,izithixo eziya kutsho zigeziswe kukothuka.
39. “Ke ngoko iBhabheli iya kuba sisikhundla seengcuka noodyakalashe,ibe yindawo ehlala iinciniba.Ayisoze iphinde imiwe bantu,ingahlalwa bani izizukulwana ngezizukulwana.
40. Njengoko uThixo wazibhukuqayo iSodom neGomorakwakunye needolophu ezingqongileyo,kwangokunjalo akuyi kuhlala bani,kungayi kuphambukela mntu khona.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
41. “Niyabona, kuza abantu, bevela entla;uhlanga olukhulu nookumkani abaninzi bayaxhokonkxwa,bevela eziphelweni zehlabathi.
42. Baxhobe izaphetha nemikhonto;bazizikhohlakali ezingenamfesane.Isingqi sokufika kwabo bekhwele amahashekunga kukugquma kolwandle.Baxhobe baf' amacala,khon' ukuze bahlasele wena, ntombindini Bhabheli.
43. Ukumkani waseBhabheli uve iindaba ngabo,zangenwa ngumkhinkqi iingalo,lwangongoza uvalo oku komfazi olunywayo.
44. Niyabona, njengengonyama ephuma kwiintshinyela zamatyholo eJordan,iye emadlelweni ahlala eyokozela,kuya kuba njalo ukuyigxotha kwam ngephanyazo kwelakowayo iBhabheli.Ngubani na onyuliweyo nendiya kumalatha ukuze andenzele oku?Kakade ngubani onjengam onokumelana nam,ingubani umalusi onokuxaba endleleni yam?”
45. Ke ngoko liveni icebo likaNdikhoyo alicebileyo ngeBhabheli,izigqibo zakhe agqibe ngazo ngokubhekisele kwilizwe lamaKaledi.Inene, namatakane aya kuqwengwa,umhlambi uthi khumnqa ngenxa yawo.