3. Athi: ‘Eli asililo ixesha lokuba kwakhiwe izindlu. Esi sixeko siyimbiza; thina siyinyama ephekwayo.’
4. Ngako oko, mntundini, shumayela ubakhalimele. Ndithi shumayela!”
5. Wandongamela uMoya kaNdikhoyo, wathi: “Danduluka uthi: Utsho uNdikhoyo ukuthi: Nakuba nina ndlu kaSirayeli nithetha oku, kodwa ndiyazazi iingcinga zenu.
6. Nibulele inkitha yabantu kwesi sixeko, zada zazala zizidumbu izitalato.
7. “Ngako oko itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Izidumbu zabantu ababulewe nini ziyinyama, isixeko sona siyimbiza, kodwa nina ndiza kunigxotha kwesi sixeko.
8. Niyaloyika ikrele, ndaye ndiza kunivisa ikrele, itsho iNgangalala enguNdikhoyo.
9. Ndiya kunikhuphela ngaphandle kwesi sixeko, ndize ndininikezele kwabasemzini ukunohlwaya.
10. Niya kufa ngekrele emideni yakwaSirayeli. Ewe, ndiya kunigweba nitsho nindazi ukuba ndinguNdikhoyo.
11. Esi sixeko asiyi kuba yimbiza, nani aniyi kuba yinyama ephekwayo; ndiya kunigweba ndize ndinohlwaye kwalapha emideni yakwaSirayeli.
12. Niya kuqonda ke ngoko ukuba mna ndinguNdikhoyo. Kaloku niyityeshele imimiselo yam, naphambuka kwimithetho yam, naza nazibeka mgangathweni mnye nezizwe eziningqongileyo.”
13. Ndathi ndisashumayela njalo, wafa uPelatiya unyana kaBhenaya. Ndawa ngobuso, ndakhala ndadanduluka ndathi: “Awu, Nkosi Ndikhoyo! Ngaba uza kuyitshabalalisa tu nentsalela kaSirayeli?”
14. Ilizwi likaNdikhoyo ndaliva lisithi:
15. “Mntundini, abantakwenu – abantakwenu abaligazi lakho, nditsho bonke abendlu kaSirayeli abathinjiweyo – ngabo kanye ekuthethwa ngabo ngabemi baseJerusalem kusithiwa: ‘Nina nimele kude *kuNdikhoyo; lo mhlaba uwunikezele kuthi ukuba ube ngowethu.’ ”
16. “Ngako oko yithi: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndawagxothela kude emazweni, ndawasarhaza ezintlangeni, ndaza okwelo xeshana ndasisibingelelo sabo.
17. “Ngoku ke yithi: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndiya kuniqokelela ezintlangeni, ndinibuyise kuloo mazwe benithe saa kuwo, ndize ndiphinde ndininike umhlaba kaSirayeli.