16. UEstere ke wasiwa kukumkani uAsuwerosi phakathi ebhotwe apho wayehlala khona ngoTebhete inyanga yeshumi kunyaka wesixhenxe wolawulo lukakumkani uAsuwerosi.
17. Ke kaloku ukumkani lowo wakhangwa ngendlela eyodwa nguEstere lowo; ewe, kuzo zonke ezo ntombi ayikho eyawelwa ngukumkani njengoEstere lowo, yena wamkholisa ngokugqithisileyo. Ngoko ke ukumkani wathwesa uEstere iqhiya yobukumkanikazi, wamfaka esikhundleni sikaVashiti.
18. Ukumkani ke wenzela izikhulu namaphakathi akhe itheko elikhulu egameni likaEstere. Wamisela iholide kuwo onke amaphondo awayephantsi kwakhe, wasasaza izipho zazininzi, ziphuma esandleni sikakumkani.
19. Zathi xa zihlanganisene okwesibini ezo ntombi waye yena uModekayi ehleli ngasesangweni apho kwakumkani.
20. Ke yena uEstere wahlala eyifihlile imvelaphi yakhe ndawonye nobuhlanga bakhe kanye ngaloo ndlela wayeyalelwe ngayo nguModekayi. Kaloku nangoku wahlala esephantsi kweengcebiso zikaModekayi kwanjengoko wayesenza ukumkhulisa kwakhe.
21. Ke kaloku ngelo thuba uModekayi wayesesangweni apho kwakumkani, uBhigetan noTereshe, isibini samaphakathi kakumkani esasilinda amasango, bobabini basuka bacaphuka, baza baceba ukwenza iyelenqe lokubulala ukumkani uAsuwerosi.
22. Ke uModekayi walibhaqa elo yelenqe, waza waxelela ukumkanikazi uEstere, owathi yena waxelela ukumkani egameni likaModekayi.
23. Lithe ke lakufunyaniswa ubunyani balo elo yelenqe, loo maphakathi mabini athathwa abulawa ngokuxhonywa. Yonke ke le ngcombolo yabhalwa encwadini yeembali nokumkani ngokwakhe ekhona.