1. Ukumkani uBhelshazare wenzela iwaka lezikhulu zakhe ingxikela yombhiyozo, wasela iwayini kunye nazo.
2. Ithe ke isakuvakala intselo apho kukumkani wathi makulandwe izitya zegolide nezesiliva ezazithinjwe nguyise uNebhukadenezare endlwini kaThixo eJerusalem. Xa bebonke ke, ukumkani nezikhulu zakhe, nabafazi bakhe, ngokunjalo namaqadi akhe, babeza kutyela kuzo.
3. Ngenene ke zeziswa ezo zitya zegolide ezazithinjwe endlwini kaThixo eJerusalem, wasela ngazo ukumkani nezikhulu zakhe, ndawonye namakhosikazi akhe kunye namaqadi akhe.
4. Basela iwayini, basuka badumisa oothixo abenziwe ngegolide, nabesiliva, abobhedu, abentsimbi, abomthi, nabelitye.
5. Kuthe kusenjalo ke kwasuka kwathi gqi iminwe yesandla somntu, yabhala eludongeni malunga nendawo eyayihlala isibane apho ebhotwe. Ke ukumkani wasibukela eso sandla sibhalayo.
6. Le nto ke ukumkani yamothusa watsho wee rhubaxa, yadideka ingqondo yakhe, wangenwa yingevane, watyhwatyhwa, namadolo abetha-bethana.
7. Ukumkani ke wakhwaza ngamandla ukuba kubizwe oosiyazi, iingcali zeenkwenkwezi, kunye nezanuse, waza wathi kwezi zilumko zaseBhabheli: “Umntu othe wanako ukuwufunda lo mbhalo, wawuchaza nento oyithethayo, uya kuvathiswa umnweba omsobo, athiwe gatya umxokelelwana wegolide entanyeni, aze enziwe owesithathu kubalawuli beli lizwe.”
8. Zafika ke izilumko zikakumkani, kodwa zonke zaxakwa kukuwufunda loo mbhalo, yayinqaba nokuchaza intsingiselo yawo.
9. Hayi ke, woyika ngokugqithisileyo ukumkani uBhelshazare, nobuso bakhe bathi rhubaxa ngakumbi, zaye nezikhulu zakhe zididekile.
10. Akuyiva ingxokozelo eyayisenziwa ngukumkani nezikhulu zakhe ukumkanikazi wangena apho kuloo ndlu yombhiyozo, wabhekisa kukumkani, wathi: “Phil' ud' ukhokhobe, kumkani! Hayi, musa ukoyikiswa kangaka ziingcinga zakho, ujike nebala lobuso bakho.
11. Kaloku kwalapha kulo mbuso wakho ukho umfo onomoya woothixo abangcwele. Ngexesha lokulawula kukayihlo lo mfo wazibonakalisa ukuba unengqiqo, nolwazi oluphangaleleyo, nobulumko obufana noboothixo. Ke yena uyihlo uNebhukadenezare wammisela wayingqonyela yabenzi bemilingo, oosiyazi, iingcali zeenkwenkwezi, kunye nezanuse.
12. Lo mfo ubalasele ngobulumko nolwazi nokuqiqa, enobuchule ekutyhileni amaphupha, ekusombululeni amaqhina, nasekuqwabululeni iintsonkotha. Igama lakhe nguDaniyeli, kodwa ke yena ukumkani wathi nguBhelteshazare. Biza yena; uya kukuchazela intsingiselo yalo mbhalo.”