Udaniyeli 2:37-47 Ibhayibhile (XHO96)

37. Mhlekazi, wena ungukumkani wookumkani. UThixo osezulwini wakuthi jize ngobukhosi, amandla, amagunya, nobungangamsha.

38. Lonke elimiweyo walinikela esandleni sakho, ukuze ulawule abantu, iintaka, namarhamncwa. Ngoko ke le ntloko yegolide nguwe, mhlekazi.

39. Emva kwakho kuza kulandela omnye umbuso onganeno kulo wakho. Kananjalo emva kwawo kolandela owesithathu, owobhedu. Wona uya kulawula ihlabathi lonke jikelele.

40. Kwakhona ke kolandela umbuso wesine ongwanyalala okwentsimbi ukomelela, oya kufohloza ukroboze yonke into. Nawo ke uya kuyityoboza okwentsimbi uyicole yonke imibuso engaphambi kwawo.

41. Njengoko uzibonile iinyawo neenzwane ukuba zenziwe ngodongwe oluxutywe nentsimbi: le nto ke ithetha ukuba loo mbuso uya kuba ziintlaba-zahlukene. Njengoko kwakuxutywe intsimbi nodongwe nawo ke uya kuba nokomelela kwentsimbi.

42. Iinzwane ezinxalenye iyintsimbi ngokunjalo nodongwe zalatha ukuba umbuso lowo uya komelela ngenxenye, ngenxenye ube krobo-krobo.

43. Kananjalo ubonile ukuba intsimbi yayixutywe nodongwe. Le ndawo ke ikwathetha ukuba baya kuzama ukumanyana ngokwendiselana, kodwa ke loo nto iya kufadalala kwanjengokuba intsimbi ingaxubeki nodongwe.

44. Kanye ke ngexesha lâbo kumkani uThixo wezulu uya kumisela ulawulo olungasoze lutshitshe. Obo iya kuba bubukumkani obungenakoyiswa, koko obuya kutyumza buphelise yonke eminye imibuso, buze bona bume kude kube ngunaphakade.

45. Yile nto uyibonileyo xa ububona ilitye liqhephuka entabeni lingachukunyiswanga sandla samntu, laza laya kuntlitha laa mfanekiso wenziwe ngentsimbi, ubhedu, udongwe, isiliva, negolide. Ngoko ke uThixo omkhulu uyakwazisa, mhlekazi, mayela nezinto eziya kwenzeka kwimihla ezayo. Eli phupha liyinyaniso, yaye ingcaciso yalo ithembekile.”

46. Kwesi sithuba ke ukumkani uNebhukadenezare wazikhahlela emhlabeni phambi koDaniyeli emhlonela, wathi makwenziwe umnikelo weenkozo kunye neziqhumiso kuye.

47. Wabhekisa kuDaniyeli wathi: “Ngenene uThixo wakho nguThixo woothixo, iNkosi yezikumkani, umtyhili weemfihlakalo, kuba wena ube nako ukuyityhila le mfihlakalo.”

Udaniyeli 2