22. Nguye umtyhili weentsonkotha ezifihlakeleyo;nezisemnyameni izinto yena uyazazi.Ngenene yena ulikhaya lokukhanya.
23. Wena Thixo woobawo, ndiyakudumisa,ndikubulela kuba wena undizimasile.Undithe jize ngobulumko namandla.Nangoku wena undityhilele,wawuphendula umthandazo wethu.Ewe, usityhilele le nto ifunwa ngukumkani.”
24. Ngoko ke uDaniyeli waya kuAriyoki, umfo owayegunyaziswe ngukumkani ukuba abulale zonke izilumko zaseBhabheli. Kuye ke wafika wathi: “Ungabi sazibulala izilumko zaseBhabheli, koko ndithathe undise kukumkani, ukuze ndimlawulele iphupha lakhe.”
25. Ngoko nangoko ke uAriyoki waya noDaniyeli kukumkani, wafika wathi: “Kubathinjwa bamaJuda ndifumene umntu onako ukukulawulela iphupha lakho, mhlekazi.”
26. Ukumkani wabhekisa kuDaniyeli owayebizwa ngegama elinguBhelteshazare, wathi: “Uza kuba nako ukundixelela iphupha lam, utyhile nentsingiselo yalo?”
27. UDaniyeli uphendule wathi: “Hayi, mhlekazi, akukho zilumko, nditsho oosiyazi, nabenzi bemilingo, nezanuse, ezinako ukukuchazela le mfihlakalo uyibuzayo.
28. Kambe ke ukho uThixo osezulwini ozityhilayo iimfihlakalo. Ke, mhlekazi, kumkani uNebhukadenezare, yena ukwazisa izinto eziya kwenzeka kwimihla ezayo. Nali iphupha lakho, nditsho umbono ofike engqondweni yakho usalele esililini sakho:
29. “Kaloku uthe usalele, mhlekazi, suka iingcamango zakho zaya kutsho kumaxesha azayo; ke uThixo ongumtyhili weemfihlakalo ukubonise izinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo.
30. Ke mna le mfihlakalo andiyityhilelwanga kuba ndilumkile kunabo bonke abanye abantu, koko ndiyiboniswe khon' ukuze wena kumkani uyazi intsingiselo yephupha lakho, kananjalo uziqonde iingcamango ezifike engqondweni yakho.
31. “Mhlekazi, uphuphe ubona umfanekiso oqingqiweyo othe bhunxe phambi kwakho. Ewe, ibiluhalakahla oloyikekayo, into ebengezela ngobumenyemenye obungathethekiyo.
32. Intloko yawo yayenziwe ngegolide ecwengileyo, isifuba neengalo zenziwe ngesiliva. Ke sona isisu ukuya kuthi xhaxhe ngamathanga yalubhedu.
33. Kanti ke imilenze yona yintsimbi, zaza ke zona iinyawo zenziwa ngentsimbi exutywe nodongwe.
34. Kuthe usabukele njalo, mhlekazi, suka kwaqhephuka ilitye, lingachukunyiswanga sandla samntu. Liqengqeleke laya kuthi folokohlo kwezo nyawo zenziwe ngentsimbi nodongwe, lazintlekeza zaziingceba.
35. Hayi ke, kutsho yabubusaza – intsimbi, udongwe, ubhedu, isiliva, negolide, xa zizonke zacoleka zanjengomququ esandeni ngexesha lasehlotyeni. Kufike umoya wazitshayela akwasala nomkhondo lo wazo. Ke lona elo litye liwubethileyo loo mfanekiso lasuka lakhula layintaba enkulu ezalise ihlabathi lonke jikelele.
36. “Nâlo ke iphupha lakho, mhlekazi. Ngoku ke masikuchazele intsingiselo yalo.
37. Mhlekazi, wena ungukumkani wookumkani. UThixo osezulwini wakuthi jize ngobukhosi, amandla, amagunya, nobungangamsha.
38. Lonke elimiweyo walinikela esandleni sakho, ukuze ulawule abantu, iintaka, namarhamncwa. Ngoko ke le ntloko yegolide nguwe, mhlekazi.
39. Emva kwakho kuza kulandela omnye umbuso onganeno kulo wakho. Kananjalo emva kwawo kolandela owesithathu, owobhedu. Wona uya kulawula ihlabathi lonke jikelele.
40. Kwakhona ke kolandela umbuso wesine ongwanyalala okwentsimbi ukomelela, oya kufohloza ukroboze yonke into. Nawo ke uya kuyityoboza okwentsimbi uyicole yonke imibuso engaphambi kwawo.