Udaniyeli 2:13-27 Ibhayibhile (XHO96)

13. Ngoko ke wagunyazisa isohlwayo sokuba mazibulawe zonke izilumko. Bafunwa ke noDaniyeli nabalingane bakhe ukuba babulawe.

14. Ke kaloku uDaniyeli wamngena ngengqondo nangobulumko uAriyoki injengele yabalindi bakomkhulu, owayesiya kubulala zonke izilumko zaseBhabheli,

15. wathi kuye: “Ngani ukuba ukumkani agunyazise isohlwayo esiqatha kangaka?”Akuba uAriyoki echazele uDaniyeli konke okwenzekileyo,

16. uDaniyeli waya kukumkani, wamcela ukuba akhe ammele, khon' ukuze abe nako ukumtyhilela iphupha elo lakhe.

17. Egodukile ke uDaniyeli wabachazela ngale ngxaki abalingane bakhe uHananiya noMishayeli noAzariya,

18. waza wabanxusa ukuba bathandaze kuThixo osezulwini abenzele inceba malunga nale mfihlakalo, ukuze yena nabalingane bakhe bangabulawa kunye nezilumko zaseBhabheli.

19. Kanye ngobo busuku uDaniyeli wayityhilelwa ngombono le mfihlakako, waza ke wambonga uThixo wezulu

20. wathi:“Malidunyiswe igama likaThixo ngonaphakade kanaphakade,kuba bobakhe ubulumko namandla!

21. Nguye umguquli wamaxesha neemeko;nguye obakhiqayo ookumkani,kanti ikwanguye obamisayo.Ngumvathisi wezilumko ngobulumko,azithi jize ngolwazi iingqondi.

22. Nguye umtyhili weentsonkotha ezifihlakeleyo;nezisemnyameni izinto yena uyazazi.Ngenene yena ulikhaya lokukhanya.

23. Wena Thixo woobawo, ndiyakudumisa,ndikubulela kuba wena undizimasile.Undithe jize ngobulumko namandla.Nangoku wena undityhilele,wawuphendula umthandazo wethu.Ewe, usityhilele le nto ifunwa ngukumkani.”

24. Ngoko ke uDaniyeli waya kuAriyoki, umfo owayegunyaziswe ngukumkani ukuba abulale zonke izilumko zaseBhabheli. Kuye ke wafika wathi: “Ungabi sazibulala izilumko zaseBhabheli, koko ndithathe undise kukumkani, ukuze ndimlawulele iphupha lakhe.”

25. Ngoko nangoko ke uAriyoki waya noDaniyeli kukumkani, wafika wathi: “Kubathinjwa bamaJuda ndifumene umntu onako ukukulawulela iphupha lakho, mhlekazi.”

26. Ukumkani wabhekisa kuDaniyeli owayebizwa ngegama elinguBhelteshazare, wathi: “Uza kuba nako ukundixelela iphupha lam, utyhile nentsingiselo yalo?”

27. UDaniyeli uphendule wathi: “Hayi, mhlekazi, akukho zilumko, nditsho oosiyazi, nabenzi bemilingo, nezanuse, ezinako ukukuchazela le mfihlakalo uyibuzayo.

Udaniyeli 2