2. Abaninzi ke kwabo sebelele kobandayo baya kuvuka; abanye babo baya kuvukela ukuxhamla ubomi obungasoze buphele, baze abanye bavukele kubomi behlazo obumanyumnyezi obungenasiphelo.
3. Ke kaloku iinkokheli ezinobulumko ziya kukhanya ziqaqambe njengesibhakabhaka, baze abo bakhokelele abaninzi kwihambo elungileyo bakhazimle babengezele njengeenkwenkwezi ngonaphakade kanaphakade.
4. “Kambe ke, wena Daniyeli, ezi ndaba mazibe zezakwamkhozi, uyitywine incwadi leyo kude kube sekusongweni kwamaxesha, xa abaninzi baya kunyuka besihla bezama ukufumana ulwazi oluphangaleleyo ngezi zinto.”
5. Ndaza ke mna Daniyeli ndakhangela, phambi kwam ndabona amanye amadoda amabini emi elunxwemeni lomlambo ngapha nangapha.
6. Enye ke yabuza kweso sithunywa sambethe ilinen, eso sasimi phezu kwamanzi omlambo, yathi: “Ngaba iya kuba lithuba elingakanani ukuze zifezekiswe ezi zinto zimangalisa kangaka?”
7. Ke isithunywa eso sambethe ilinen, eso sasimi phezu kwamanzi omlambo, saphakamisela ezulwini esokunene nesasekhohlo isandla, ndasiva sifunga uThixo uSonini-nanini, sisithi: “Iya kuba lithuba elimisiweyo elingamaxesha amathathu anesiqingatha. Ekufezekeni kwexesha, xa sele bophulwe amandla abantu abangcwele, zonke ezi zinto ziya kuba sezifezekisiwe.”