1. Liveni ilizwi lam, ndlu kaSirayeli;nditsho esi sililo ndisenzayo ngenxa yenu:
2. “Iwile bhaxa, ayiyi kube ivuke intombi enguSirayeli!Ithe qungqululu yodwa kumhlaba wakowayo,kungekho bani wokuyiphakamisa.”
3. Itsho kaloku iNkosi *uNdikhoyo ukuthi:“Kuya kusinda ikhulu kuloo dolophu ithumela iwaka edabini,kusinde ishumi lamaSirayeli kuleyo ithumela ikhulu lamadoda.”
4. Utsho ke *uNdikhoyo kwindlu kaSirayeli ukuthi:“Quqelani kum, niphile.
5. Musani ukuquqela eBhetele,ningayi naseGiligali,ningatyeleli eBheshebha,kuba abantu baseGiligali baza kuthinjwa,iBhetele ingabi nto yanto.”
6. Quqelani kuNdikhoyo, niphile,kungenjalo uya kuza evutha,ayitshise iphele indlu kaJosefu,kungekho nabani eBhetele ongawucimayo loo mlilo.
7. Nina nigqwetha ubulungisa bube krakra njengekhala,nibukhahlele phantsi eluthulini.
8. Ulomenzi woomakroza noozilimela,ulojik' isithokothoko sobumnyama sibe ngumsobomvu, nemini ibe yintsunguzi yobusuku,ulovulela amanz' olwandle ankcenkceshe ngawo umhlaba,nguNdikhoyo igama lakhe.
9. Nguye umtshabalalisi wezigantsontso;nguye umdilizi weenqaba zazo.
10. Niyamcaphukela umntu othanda ubulungisa ezinkundleni,nilithiye ingqina elidandalazisa inyaniso.
11. Njengoko niwacinezela amahlwempu,niwarhumisa nangengqolowa ayivunileyo,anisobe nizihlale ezo zindlu zenu zamatye aqingqiweyo,ningasobe niyisele newayini evela kwezo zidiliya zenu zinqwenelekayo.
12. Ndiyabazi kaloku ubuninzi bobugwenxa benunobukhulu bezono zenu.Nitshutshisa abantu abamsulwa;niyakuthanda nokunyotywa.Amahlwempu niyawavala angeviwa ezinkudleni zenu.