29. Kaloku abo wayeselebazi kwangaphambili, wabamisela ukuba babe ngumfanekiso woNyana wakhe, ukuze uNyana wakhe abe ngowamazibulo kusapho olukhulu.
30. Abo ke uThixo wabamiselayo kwangaphambili, wababiza kananjalo. Abo wababizayo, wabenza amalungisa. Abo wabenza amalungisa, wabanika iwonga.
31. Masithini na ke ngezi zinto? Ukuba uThixo ungakuthi ngubani onokusichasa?
32. Yena kaloku akambandezanga owakhe uNyana, koko usuke wamnikela ngenxa yethu sonke. Angathini ke ukungasibabali asiphe zonke ezinye izinto?
33. Ngubani na oya kubamangalela abanyulwa bakaThixo, inguThixo nje obagwebelayo?