Kwabasefilipi 2:5-24 Ibhayibhile (XHO96)

5. Njengoko nimanywe noYesu Krestu izimvo zenu mazifane nezakhe; kuba kaloku:

6. Nakuba ubume bakhe babunguThixo ngenkqu,ukulingana noThixo akakubawelangakangangokude afune ukusunduzana naye.

7. Ndaweni yaloo nto waziqongqotha ubuyena,wathatha isimo sesicaka,waba ngumntu ncakasana.Engumntu ebantwini,

8. wazambesa intobeko,ntobeko leyo yamsa ekufeni –ukufa kwasemnqamlezweni.

9. Kungoko ke athe uThixo wamphakamisa kakhulu,wamthi jize ngelona gama lingaphezu kwawo onke amanye amagama,

10. ukuze bonke abaphilayo,ezulwini, emhlabeni, naphantsi komhlaba,bagobe amadolo benika imbeko kwigama likaYesu;

11. bathi bebonke bavume bengafihlisiukuba uYesu Krestu yiNkosi,bebonakalisa ubungangamsha bukaThixo onguBawo.

12. Nani ke, zihlobo zam, njengoko nihlala nimthobela uThixo xa ndilapho, nangoku ke kubaluleke ngakumbi ukuba nimthobele nokuba ndikude. Lufezekiseni usindiso enilunikwe nguThixo, ninembeko nentlonipho.

13. Kuba kaloku nguThixo ngokwakhe oninika amandla okuzimisela nokusebenza, ukuze nithobele injongo yakhe.

14. Yonke into enimelwe kukuyenza yenzeni ngaphandle kokukhalaza nokuxambulisana,

15. niziphathe nyulu ningenagxeke, njengosapho lukaThixo olungabekwa bala phakathi kwabantu abakhohlakeleyo beli phakade.Khanyani phakathi kwabo njengeenkwenkwezi zikhanya esibhakabhakeni,

16. nibanika iindaba zobomi. Xa nenjenjalo ke, noba libhongo lam ngaloo Mini kaKrestu, kuba kaloku kobonakala ukuba andifumananga ndabulaleka elugqatsweni nasemsebenzini.

17. Kodwa nokuba kutheni ndingavuya, nokuba igazi lam lingade liphalazwe njengomnikelo ngenxa yokholo lwenu – kholo olo lulidini enilinikela kuThixo. Ndiyavuya, kunjalonje nani vuyani.

18. Kwakhona ndithi vuyani, nam nindonwabise.

19. INkosi ivuma, ndinethemba lokuba kwakamsinya ndoba nako ukumthuma kuni uTimoti, khon' ukuze ndihlaziyeke ziindaba ezivela kuni.

20. Kaloku uTimoti lo kuphela komntu ozimvo zinjengezam; yaye unomdla ngokwenene kuni.

21. Bonke abanye aba baxakeke zizinto zabo, bengayinanze nganto ekaKrestu imicimbi.

22. UTimoti yena nimazi kakuhle. Niyazi ukuba wayesoloko ejikeleza kunye nam ekuhambiseni iindaba ezimnandi, kanye oku konyana ethene nca noyise.

23. Ndiza kumthuma kuni ke kamsinya, ndakuba ndiyiqondile imeko yokuhamba kwezinto ngakum;

24. ndaye ndinethemba lokuba emandleni eNkosi nam ngokwam ndiza kuza kungekudala.

Kwabasefilipi 2