Kwabasefilipi 1:11-25 Ibhayibhile (XHO96)

11. ubomi benu buqhelezela sisidima esinokuveliswa nguKrestu kuphela, ukuze uThixo abongwe adunyiswe.

12. Ndifuna nazi, mawethu, ukuba izinto ezandihlelayo zanceda ekuziqhubeleni phambili, endaweni yokuzidodobalisa, iindaba ezingoKrestu.

13. Ngenxa yaloo nto ke bonke abalindi bebhotwe, kunye nabo bonke abanye abalapha, bayazi ukuba ndisentolongweni nje kungenxa yokuba ndisisicaka sikaKrestu.

14. Loo nto ke ibangela ukuba amakholwa ayithembe iNkosi, athathe unyawo ukulishumayela oku ilizwi likaThixo.

15. Kanti ke abanye uKrestu bamshumayela ngomona nangolunya, bambi ke bona bamshumayela ngomoya omhle.

16-17. Abo ke baqhutywa luthando, kuba bayazi ukuba uThixo undiphathise umsebenzi wokukhusela udaba olungoKrestu. Kodwa abanye aba bona uKrestu abamshumayeli benyanisekile, koko bamshumayela ngomoya wokuzigwagwisa, becinga ukuba bangandivusela inkathazo engaphezulu ngoku ndibanjiweyo kakade.

18. Akukhathaliseki! Nokuba bamshumayela ngomoya ombi okanye benyanisekile, oko nje eshunyayelwa uKrestu, ndiyavuya mna, ndaye ke ndisaya kuvuya.

19. Kaloku ndiyazi ukuba ngemithandazo yenu, nangoncedo loMoya kaYesu Krestu ndiya kusinda.

20. Umnqweno nethemba lam kukuba ndinganikezeli, kodwa ngamaxesha onke, ingakumbi ngoku, ndikhuthale, ukuze ubume bam bonke bunike isidima kuKrestu, ndiphila okanye ndifile.

21. Kambe ke, ukudla ubomi, kum kukuthobela uKrestu. Ukufa ke kona kuzisa lukhulu.

22. Kodwa ke ukuba ukudla kwam ubomi kululutho, ndingakhetha ndithini?

23. Ndixakiwe. Ndiyakulangazelela ukufuduka ndiye kuKrestu, nto leyo ibhetele kakhulu.

24. Kodwa ngenxa yenu kubalulekile ngaphezulu ukuba ndidle ubomi.

25. Ngale yona into ndiqinisekile, futhi ndiyazi ukuba ndisaza kuphila. Ndisaza kuhlala ndinincede, niqhubele phambili, lukhule uvuyo nokholo lwenu.

Kwabasefilipi 1