Kumahebhere 7:2-9 Ibhayibhile (XHO96)

2. Ke yena uAbraham wamnika isishumi sawo onke amaxhoba. Eli gama linguMelkizedeki lithetha “ukumkani wobulungisa”. Kanti ke futhi ukwangukumkani waseSalem, oko kukuthi “ukumkani woxolo”.

3. UMelkizedeki lo ke akanayise nanina, namlibo wakuzalwa. Asaziwa isiqalo nesiphelo sobomi bakhe. Ufana noNyana kaThixo: uhlala engumbingeleli nanini-nanini.

4. Kucacile ke ukuba mkhulu, kuba nokhokho wethu uAbraham wanikela isishumi samaxhoba kuye.

5. Isizukulwana sikaLevi esingababingeleli siyagunyaziswa ngumthetho ukuba sithathe isishumi ebantwini, oko kukuthi kumawabo, nangona nawo ekwayinzala ka-Abraham.

6. UMelkizedeki akayiyo inzala kaLevi, kodwa nakuba kunjalo wathatha isishumi kuAbraham, waza wamsikelela; ngoko ke wasikelela umntu owanikwa izithembiso nguThixo.

7. Yinto engenakuphikwa ke ukuba osikelelayo mkhulu kunosikelelwayo.

8. Ngokwesiko lababingeleli izishumi zithathwa ngabantu abafayo, kanti ke yena uMelkizedeki uthathe izishumi engongqinelwa *naziziBhalo ukuba ungophilayo.

9. Ngoko ke singatsho ukuthi uLevi, nakuba zinikwa yena nje izishumi, kodwa wanikela izishumi ngoAbraham.

Kumahebhere 7