Isityhilelo 13:6-10 Ibhayibhile (XHO96)

6. Lasuka ke lamqalekisa uThixo, latshabhisa negama lakhe ndawonye nomzi wakhe ezulwini, kwakunye nâbo bahlala khona.

7. Lavunyelwa ukuba lilwe nosapho lukaThixo liloyise. Ngokunjalo lanikwa amagunya kuzo zonke iintlanga, izizwe, iilwimi, noluntu.

8. Bonke abantu behlabathi baya kulinqula. Abo ke ngabantu abamagama angabhalwanga encwadini yabaphilayo eyabhalwa kwangaphambi kokusekwa kwehlabathi. Incwadi le ke yeyeXhwane elabulawayo.

9. “Oneendlebe zokuva makeve!

10. Nabani na ofanele ukubanjwa uya kubanjwa; kanti ke nabani na oza kubulawa ngekrele uya kubulawa ngekrele. Le nto ke yenza kube yimfuneko ukuba abantu bakaThixo banyamezele, futhi babambelele elukholweni.”

Isityhilelo 13