Isityhilelo 11:6-18 Ibhayibhile (XHO96)

6. Ewe, aya kuba namagunya okusivala isibhakabhaka ingani imvula ngexesha lokuvakalisa kwawo udaba lukaThixo. Futhi anawo amagunya okuwajika amanzi abe ligazi; ihlabathi liphela aya kuba namagunya okulihlisela izibetho ngezibetho ngokuthanda kwawo.

7. La mangqina aya kuthi akuba egqibile ukuluvakalisa udaba olo, kuphume irhamncwa enzonzobileni. Lona ke liya kulwa nawo liwabulale.

8. Imizimba yawo iya kuqungquluza esitalatweni sesixeko esikhulu, apho yaxhonywa khona emnqamlezweni iNkosi yawo. Esi sixeko sifuziselwa yiSodom okanye iJiputa.

9. Imizimba yala mangqina iya kuhlala apho iintsuku ezintathu ezinesiqingatha, baze abantu bezizwe ngezizwe, iintlanga ngeentlanga, neelwimi ngeelwimi, beze kuyibona, bangavumi ukuba ingcwatywe.

10. Ukufa kwaba babini kuya kuba yinto emnandi ebantwini behlabathi. Baya kwenza itheko, banikane izipho. Kaloku la mangqina aya kubangcungcuthekisa abantu behlabathi.

11. Emva kweentsuku ezintathu ezinesiqingatha uThixo wawaphefumlela la mangqina avuka, baza bonke abayibonileyo loo nto barhwaqela.

12. Kwavakala umkhwazo ophuma ezulwini usithi kuwo: “Nyukani nize apha!” Zathi zisabukele iintshaba zawo, anyukela ezulwini ngelifu.

13. Kanye ngawo loo mzuzu kwabakho inyikima eyoyikekayo, saza isahlulo seshumi sesixeko eso satshabalala. Kwafa abantu abangamawaka asixhenxe. Abaseleyo bangenwa lunkwantyo, baza badumisa ubukhulu boThixo osezulwini.

14. Ngoku lidlule ishwangusha lesibini, kambe ke liyeza elesithathu kamsinya!

15. Ngokunjalo nesesixhenxe isithunywa salikhalisa ixilongo, kwaza kwavakala imikhwazo ezulwini, isithi: “Ngoku ihlabathi liza kulawulwa yiNkosi kunye noMthanjiswa wayo uKrestu, yaye ke iya kulawula kude kube ngunaphakade kanaphakade.”

16. Kananjalo amashumi amabini anesine amadoda amakhulu athe nqadalala phambi koThixo, athi qubudu phambi kwakhe, anqula embonga,

17. esithi:“Siyakubulela, Nkosi Thixo uSomandla,wena Ndikhoyo owayekho kakade,kuba uwathathele kuwe amagunya, walawula!

18. Izizwe zagragrama;ke yona imini yempindezelo ifikile,abafileyo baza kugwetywa.*Abashumayeli, izicaka zakho, baza kwamkela,usapho lwakho, abakhulu kwanabanci, bebonke abakuthobelayo.Ewe, lifikile ixesha lokubatshabalalisa abo batshabalalisa ihlabathi!”

Isityhilelo 11