Isityhilelo 11:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku ndanikwa ingcongolo ende yokulinganisa, kwathiwa: “Hamba uye kulinganisa *indlu kaThixo, neqonga lamadini, ubale nabo banqulayo.

2. Ke yona inkundla engaphandle uze ungazihluphi ngayo, kuba inikezelwe ezintlangeni. Zona ke ziya kusixusha ngeenyawo isixeko esingcwele isithuba esingangeenyanga ezingamashumi amane anambini.

3. Ngokunjalo ndiya kumisa amangqina amabini, ukuze avakalise udaba. Ngazo zonke ezo ntsuku zilishumi elinambini lamakhulu, mashumi omathandathu, aya kuba enxibe ezirhwexayo zokuzila.”

4. La mangqina ke yiminquma emibini, kunye nezibane ezibini ezimi phambi kweNkosi yehlabathi.

5. Ukuba kukho bani ufuna ukuwenzakalisa, emlonyeni wawo kuya kuphuma umlilo ulutshabalalise olo tshaba. Uya kufa ngolo hlobo ke umntu ofuna ukuwenzakalisa la mangqina.

6. Ewe, aya kuba namagunya okusivala isibhakabhaka ingani imvula ngexesha lokuvakalisa kwawo udaba lukaThixo. Futhi anawo amagunya okuwajika amanzi abe ligazi; ihlabathi liphela aya kuba namagunya okulihlisela izibetho ngezibetho ngokuthanda kwawo.

7. La mangqina aya kuthi akuba egqibile ukuluvakalisa udaba olo, kuphume irhamncwa enzonzobileni. Lona ke liya kulwa nawo liwabulale.

8. Imizimba yawo iya kuqungquluza esitalatweni sesixeko esikhulu, apho yaxhonywa khona emnqamlezweni iNkosi yawo. Esi sixeko sifuziselwa yiSodom okanye iJiputa.

9. Imizimba yala mangqina iya kuhlala apho iintsuku ezintathu ezinesiqingatha, baze abantu bezizwe ngezizwe, iintlanga ngeentlanga, neelwimi ngeelwimi, beze kuyibona, bangavumi ukuba ingcwatywe.

10. Ukufa kwaba babini kuya kuba yinto emnandi ebantwini behlabathi. Baya kwenza itheko, banikane izipho. Kaloku la mangqina aya kubangcungcuthekisa abantu behlabathi.

Isityhilelo 11