Iinkokheli 7:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. UJerubhali, oko kukuthi uGidiyon, nawo onke amadoda akhe bavuka ngentseni, baya kumisa ngakumthombo waseHarodi. Ke yona ikampu yamaMidiyan yayikwintili engentla kwabo ngakwinduli yeMore.

2. *UNdikhoyo wathi kuGidiyon: “La madoda unawo maninzi gqitha; andingekhe ndiwanikele ezandleni zawo amaMidiyan, hleze aqhayise athi: ‘Sizizuzele ngawethu amandla olu loyiso.’

3. Ngoko ke thetha nawo uthi: ‘Nabani na ogubhayo luloyiko makagoduke, anyebeleze emke apha kwiintaba zeGiliyadi.’ ” Akuba etshilo ke kwajika amashumi amabini amawaka, kwaza kwasala ishumi lamawaka kuphela.

4. UNdikhoyo waqhuba wathi kuGidiyon: “Nangoku asemaninzi la madoda unawo. Yihla nawo uye emfuleni; ndiza kuwaphungula. Ke indoda endithe mayihambe nawe, yohamba, kodwa endithe mayisale, mayisale.”

5. UGidiyon ke waya nawo emanzini apho, waza uNdikhoyo wathi kuye: “Wahlula-hlule la madoda; yonke indoda esela amanzi ngokuwakha ngesandla, ngathi yinja ixhaph' amanzi, yahlule kuleyo icambalalayo xa iselayo.”

6. Ke kaloku amadoda awakha ngezandla amanzi xa aselayo aba ngamakhulu amathathu; aza ke amanye lawo acambalala xa aselayo.

7. UNdikhoyo ke wathi kuGidiyon: “Uyabona ke ngoku ndiza kunihlangula ngala makhulu mathathu axhapha amanzi, ndiwanikele ezandleni zakho la maMidiyan. Amanye la amadoda makagoduke.”

8. Ngoko ke uGidiyon wawagodusa amaSirayeli, ngaphandle kwalaa makhulu mathathu awawugcina umphako ngokunjalo nezigodlo ebezize namanye. Ke wona amaMidiyan ayemise kwintili esezantsi kwabo.

Iinkokheli 7